Education

Babhubhile ngenxa yomlo wamakhwenkhwe

Umasipala wase Dr Ab Xuma ububambe usuku lokulwa iziganeko zokubulalana kwamakhwenkwe nokungahambeli kwabo.Oku kwenzelwe kwisikolo  saku Maqanda eNgcobo.Oku kuza emva kwenkwenkwe ethe yabulawa ngamanye amakhwenkwe.Eziziganeko zithe gqolo ukwenzeka nangona zingenawo umnombo wokuba intsusa ivelaphi.Bakhona nabo bathe baphulukana nobomi babo nabakwilali uRhasimeni. Umasipala ukhangela inkalo zonke encedisana nenkosi ukulwa lomkhwa.OnguSomlomo womasipala iDr Ab Xuma uMandilakhe Kondile uthi  bazakuthi gqolo besiya ezikolweni ukuncedisana nokulumnkisa noluntu ngokubanzi besebenzisana naso nesipolisa, esithi bakho abo bazixelele ngongafuni kuyiyeka lento ingakumbi xakusondela ixesha lolwaluko kungoko bezifaka mpela inkosi kwakunye nabazali.  Isikolo saku Maqanda sesona sinamaxhoba athe awa ngenxa yalomlo.Inqununu  kwisikolo esi uMr Khanuka uthi oku kwenzekayo bekukhe kwancipha kwixesha langaphambili kodwa ngoku uthi iqale apho ibiyekekhona lento. “Siqaphele ukuba abantwana abafundayo bayachaphazeleka esikolweni kuba abasihambi kakuhle bayaphoswa zizinto ezininzi,sisawacela amancedo kuba imiphefumlo yabantwana iyaphela yilento singayazi noba yayisukaphi,”utshilo uMr Khanuka.Inkosi zikunqginile ukuba intsusa ayomigubho kuba yapheliswa kudala yona.UNkosi uZwelenkosi Dungulu uthi bazakuzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba akhomntwana uphulukana nobomi bakhe kwakhona.

Umfanekiso:Kwisikolo saku Maqanda kuhewulwa ukulwa kwamakhwenkwe