Impompo enye kwiintsapho ezili-1,000. Kwaye yomile iminyaka esixhenxe
27 July 2023 – Nombulelo Damba-Hendrik | Butterworth
EBUTTERWORTH
Abahlali beelali zaseMpuma Koloni bathi bancama ukucela uncedo kooceba babo
- Iimpompo zoma kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo kwilali yaseNgqamakhwe Ngcisininde, eMpuma Koloni.
- Malunga ne-1,000 lamakhaya awanamanzi ahamba ngemibhobho.
- UMasipala weSithili sase-Amathole uthi iprojekthi yamanzi yokulungisa le meko ikwinqanaba lokucwangcisa.
Itephu ekukuphela kwayo yoma kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo kwilali yaseNgcisininde Komkhulu eNgqamakhwe, malunga neekhilomitha ezingamashumi amathathu anesihlanu ukusuka eGcuwa eMpuma Koloni.
Ngokwengxelo yabahlali bagqibela ngo-2016 ukuba babone amanzi ngombhobho, ngethuba inkampani yokwakha eyakha isikolo kule ndawo yafakela umbhobho oqhagamshelwe kumatshini womoya.
“Andixoki xa ndisithi sagqibela ngo-2016 ukufumana amanzi acocekileyo [etephu], emva kokuba sicenge unokontraka ukuba asifakele umbhobho. Ngelishwa, amanzi aphuma iinyanga nje ezimbalwa kwaye itephu yoma,” utshilo umhlali welali uLuyanda Gciyane.
Ukwathe lo mbhobho usetyenziswa ngamakhaya akwiwaka, atsala nzima ngoku ukufumana amanzi.
Kukho itanki elidala laminyaka yoo-1980 elalihambisa amanzi kodwa abahlali bale lali bathi laphuka ngo-2005. Yiminyaka becela umasipala wesithili sase-Amathole ukuba ancede alilungise, kodwa akukho nto yenziwayo.
UGroundUp wadibana noKwanele Mahlukwane esikha amanzi nge-emele kumthombo wendalo omalunga nekhilomitha ukusuka kowabo eNgcisininde engasentla.
“Mde umba wokungabikho kwamanzi kule lali, asisabakhathazi ooceba bewadi ngawo,” utshilo.
UMahlukwane uthi umntu kufuneka afike kwangentseni eze kukha amanzi acocekileyo emthonjeni, phambi kokuba kufike imfuyo.
INgcisininde Komkhulu yenye yeelali ezindala eNgqamakhwe. Uninzi lwabahlali esithethe nabo luthe luneminyaka engaphezu kwama-40 behlala apho. Abahlali abaninzi belali sele bekhulile kwaye baxhomekeke kwinkamnkam. Abanye abahlali belali bakwazile ukuthenga amatanki amanzi emvula, kodwa imvula yokugqibela entle ibingoFebruwari kwaye namatanki abo omile.
Uceba wakwaWadi 18 uLunga Dyantyi (ANC) uthe ukusukela oko waba nguceba kweyeDwarha ngo2021, kudala emcenga umasipala wesithili saseAmathole ukuba awusombulule lo mba. Uthe uninzi lwemizi yelali ayinamanzi, kodwa hayi yonke iwadi yakhe.
Isithethi sikamasipala wesithili uNonceba Madikizela-Vuso ungqinile ukuba iindawo ezithile zaseNgcisininde Komkhulu azinasiseko samanzi asebenzayo.
Uthe iNgqamakhwe yengingqi yaManzi iSkimu, ekwinqanaba lokucwangciswa, iyakuyisombulula oku. Akanikanga maxesha.
UMadikizela-Vuso uthe umasipala wathatha iinkonzo zamanzi kwiSebe leMicimbi yaManzi ngo-2006. Emva kovavanyo olwenziwa ngo-2008, kwaphuhliswa inkqubo yokulungiswa kweziseko zoncedo kwaze kwafumaneka inkxaso-mali.
Ngo-2015, kwafakelwa oomatshini bomoya ababini ukumpompa amanzi eluntwini. Okwangoku, inye kuphela i-injini yomoya esebenzayo. UMadikizela-Vuso uthe “umsebenzi ubuqhubeka” ukubuyisela enye iturbine ekusebenzeni.
Uthe, “Indawo ekuthethwa ngayo ibonelelwa ngeinjini yomoya etyisa itanki ephakamileyo apho amanzi atsalela kumbhobho omileyo. Ke sinemibhobho emibini apha elalini enye kuphela esebenzayo. ”
IGroundUp ayikhange ifumane ngcaciso yokuba kutheni lo mbhobho womile kwaye kutheni ungalungiswa logama abahlali besalindele ukugqitywa kweprojekthi yamanzi.

