Umbutho i-Economic Freedom Fighters (EFF) uxhelele abantu iinkomo ezimbini.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein
Umbutho i-EFF ngomhla we-17 kule yeDwarha kumsitho wayo oyi-Rally uxhele iinkomo ezimbini, ihagu yaza yathenga neenkukhu ukutyisa abantu ebebephumile ukuya kuzimasa lomsitho.
Kukwakulomsitho apho umbutho lo ubusenza isibhengezo sokwazisa eluntwini umgqatswa wawo lombutho kwiWadi u-101 onguMnu Uviwe Ndikolo. Bebephume ngendlu abantu ukuzimasa lomnyhadala, kwaye kubonakele ulutsha oluninzi nabantu abadala nabebephuma kwiindawo ezahlukahlukeneyo.
Ukanti ke ukonwabisa inginginya yabantu ibizimvumi zasekuhlaleni zomculo kaMaskhandi kwakunye nemvumi yomculo wokholo obizwa ukuba yiMarko.

