Arts & CultureLocalNews

AmaMpondomise abhiyozele amagugu  neNkcubeko komkhulu kuQumbu 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Qumbu

Amagosa karhulumente wephondo leMpuma Kapa namaMpondomise abhiyozele amagugu nenkcubeko koMkhulu eKroza kuQumbu. Bekumbejembeje abantu bevathe iimpahla zehombo yesiNtu. UFundile Gade onguMphathiswa wesebe lezeMfundo ephondweni uthe ukusuka esinxibeni, iingoma nokubetha kwengqongqo sisikhumbuzo sokuba inkcubeko yethu ayizizo ezimpahla zehombo zinxitywa kubekanye ngonyaka sisikhumbuzo sokuba singoobani, sisukaphi sisyaphi,” kutsho uMphathiswa uGade.

Abantu abadala, ulutsha bagudlene ngamagxalaba kubhiyozwa kuhlonitshwa inkcubeko elilifa elashiywa ngabantu abadala. “Lo mnyhadala ukhuthaza abantu abatsha bakhumbule imvelaphi yabo ngokuthi baqiniseke ngokuzithutha, basebenzise ulwimi lweenkobe bahlale begcine isintu sabo. Phambi kokuba umntwana aziwe lihlabathi kufuneka azazi imvelaphi yakhe,” kuthso uGade. Uhambise wathi  le yindlela yokubhiyozelwa kwebuyambo sisizwe esakhiwe zizizwana ezahlukeneyo, sime kunye ukubhiyozela inkcubeko kubanjiswene.