EducationNews

Bazawukwamkelwa baphinde abafundi abawe phantsi 

Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa

Isebe lezeMfundo eMpuma Kapa ligunyazise izikolo zibamkele abafundi abawe phantsi kwiimviwe nabafuna ukuphinda benze ibakala likaGrade 12. Bonke abafundi abafuna ukuphinda bazakuvunyelwa baphinde kwizikolo abebefunda kuzo, nangaphantsi kweyiphi imeko isebe lithi akukho mfundi ozawukwaliwa kwisikolo abefunda kuso.

Izikolo ziyabongozwa ukuba zibancedise abafundi kwiinkalo zonke. IiNqununu zezikolo neSchool Management Teams zizakuqinisekisa ukuba abafundi abachaphazelekayo nabazali babo kufuneka becaciselwe ngako konke amabakwenze ukuze bafumane inkxaso edingekayo.