Bajonge ukuzuzanto abombutho we ATM eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Abantu abatsha belali yase Cwecweni eNgcobo banikezwe izithole zokulima kwakunye nomatshini wokuthunga ngamalungu ombutho we African transformation Movement eNgcobo. La malungu alombutho ebengena umzi nomzi esabela intlalo yabahlali nanjengoko kusondela uvoto.Abantu kuvakala ukuba eyonanto bayibeke phambili kukufuna ukulima bazivelisele izinto ngokunokwabo.
Lombutho uve uvile wabuya wazonikeza ngezithole kwakunye nomatshini wokuthunga kwintwazana eselula.Othe waxhaswa nongumntu omtsha othungayo u Nosphelo Lwana uthi uyabulela kakhulu ngesipho asinikiweyo kuba sihamba namalaphu kwakunye nemali uyinikiwe, uthe ngoku kuzobangcono kakhulu kuba ikhona imali amane eyifumana ngokuncediswa luluntu ekuthengeni izinto zakhe azithungayo.
Ongumgqatswa kulewadi uAndisa Ntshinka sele etyhutyhile kwilali le eshumayeza abantu ukuba luyomvotela.Oka Ntshinka uthi ukuba bangamnika ithuba abahlali angazibonakalisa kakhulu. “Ndinethemba kubantu bendawo yam kuba bayandazi kwa nemisebenzi yam bayayazi, endikucela kubo kukuba bangaphazami ngemini enkulu bayondivotela,“ utshilo uNtshinka nongumgqatswa. Abalombutho we ATM basathe gqolo ukubheka ebantwini beyocela ivoti.


