CommunityLocalNewsPolitics

Uthe gqolo ukunceda abasweleyo umfo wase Ngcobo 

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Umgqatswa wombutho we African National Congress uLubabalo Njemla uthe wanikeza nge wheelchair kusapho lakwa Nocakana eNyanga eNgcobo. Umakhulu uNomakhwezi Nocakana uhlala nomzukulwana wakhe baphila ngesibonelelo sika rhulumente,isimo sendlu ahlala kuyo sibi kakhulu. Umakhulu  uNomakhwezi noneminyaka engamashumi asixhenxe anantlanu wayenze isicelo sokuncediswa nokuba kungantoni ngenxa yemeko ahlala phantsi kwayo.

Indlu yangasese yeyonanto ayibeka phambili kwizicelo zakhe nanjengoko engakwazi ukuyofikelela phandle esgangeni xa efuna uzithuma. Ongumgqatswa uNjemla uthe gqolo ukunceda amakhaya asweleyo nanjengoko eke wazibonakalisa nakwizikolo zase Ngcobo. Loka Njemla uthi le wheelchair babone kufanelekile ukuba umakhulu abenayo kuba kunzima kakhulu kuye akakwazi ukuzenzelanto esithi okungamandla akhe esisiqu kukumncedisa ngoku anako.

Loka Njemla wayethenge isamente ukuze kokhiwe indlu yangasese kodwa ezonto zange zonele kunangoku usajonge umntu onokuzongeza.Ikhabhathi zokufaka ukutya zophukelwa ngamacango kudala kwa indawo yokuhlala libhangala nalo sele ligugile. Umakhulu uNocakana ulihlabile kwakhona ikhwelo esithi uyacela ancedwe kuba uyasokola .Ibhangala ahlala kuko umakhulu nalo ligugile.