CommunityLocalNewsPolitics

Bajonge ukuzuzanto abombutho we ATM eNgcobo

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Abantu abatsha belali yase Cwecweni eNgcobo  banikezwe izithole zokulima kwakunye nomatshini wokuthunga ngamalungu ombutho we African transformation Movement eNgcobo. La malungu alombutho ebengena umzi nomzi esabela intlalo yabahlali nanjengoko kusondela uvoto.Abantu kuvakala ukuba eyonanto bayibeke  phambili kukufuna ukulima bazivelisele izinto ngokunokwabo.

Lombutho uve uvile wabuya wazonikeza ngezithole kwakunye  nomatshini wokuthunga kwintwazana eselula.Othe waxhaswa nongumntu omtsha othungayo u Nosphelo Lwana uthi uyabulela kakhulu ngesipho asinikiweyo kuba sihamba  namalaphu kwakunye nemali uyinikiwe, uthe ngoku kuzobangcono kakhulu kuba ikhona imali amane eyifumana ngokuncediswa luluntu ekuthengeni izinto zakhe azithungayo.

Ongumgqatswa kulewadi uAndisa Ntshinka sele etyhutyhile kwilali le eshumayeza abantu  ukuba luyomvotela.Oka Ntshinka uthi ukuba bangamnika ithuba abahlali angazibonakalisa kakhulu. “Ndinethemba kubantu  bendawo yam kuba bayandazi kwa nemisebenzi yam bayayazi, endikucela kubo kukuba bangaphazami ngemini enkulu bayondivotela,“ utshilo uNtshinka nongumgqatswa. Abalombutho we ATM basathe gqolo ukubheka ebantwini beyocela ivoti.