UNdabeni unikezele ngenkxaso koosomashishini abakhasayo
Intatheli: Monwabisi Khininda | Lusikisiki
UStella Ndabeni-Abrahams onguMphathiswa kwisebe loPhuhliso lwaMashishini aKhasayo (Small Business Development) unikezele ngewaka wezixhobo ezikumgangatho ophezulu koosomashishini baseLusikisiki, kutsha nje. Ngamakhulu-khulu oosomashishini abakhulayo abanikwe izixhobo zokuqala amashishini eLusikisiki nalapho bekuquka izixhobo zokuthunga, ishishini lokuhlamba iimoto (car wash), ishishini lokoja inyama, ishishini lokuhlamba iimpahla, kwabatshisela iintsimbi nabo bachwelayo namanye amashishini.
UNdabeni umemelele kubo bonke abantu abafuna ukuqala ishishini okanye ukulihlumisa ukuba bathi gqolo ukufaka izicelo zokuzuza inkxaso kwa-SEDFA nakwamanye amasebe encedisana nokuxhasa abo bangenazintsiba zokuseka amashishini.
UMphathiswa uNdabeni nobephelekwe nguSodolophu waseNgquza Hill kunye noKumkani Daluxolo Sigcau ufunge wamunca iintupha eqinisekisa ukuba inintsi kakhulu imali ebekelwe abantu abatsha abafuna inkxaso kwaye sele bengaphaya kwamawaka waka abantu abangathathi ntweni asebezuze inkxaso kurhulumente. Uphinde waqinisekisa ukuba alikho ishishini elingaxhaswayo kuquka neziphaza eziliqela ekuhlaleni.


