URhulumente uthabatha indlela eyiyo yokuvezela ulutsha imisebenzi
Iindaba zakutshanje ezimnandi ngakulutsha oluthwaxwa yentswela ngqesho zezo zinge Sebe lezeKhaya (Home Affairs) nelazise okokuba ligaya isigaba sesibini senyathelo lokuheha amawaka angama 4000 olutsha olungaphangeliyo. Apha ulutsha luzakusetyenziselwa ukusebenzisa ubuchwepheshe bale mihla kwi projekithi ejongene nokuphuculwa kwamarekhodi asekuhlaleni. Kuvakala okokuba le projekithi intsha ijongise ekuguquleni into ephaya kwi 350 million yemibandela (records) yoluntu ebisoloko igcinwe emaphepheni.
Ngoku ukuphucula uziso lwee nkonzo olululo kuzakusetyenziswa ubuchwephesha bale mihla (Electronic format). Le nkuntyula yenani eliyi 4000 yinxalenye ye 10000 yolutsha olungaphangeliyo noluza kugayelwa ikontilaka eziinyanga ezingama 36 yengqesho leli Sebe lezeKhaya le projekithi yogayo yaqala kwe yeThupha (August) kunyaka ka 2022 nalapho kwagaywa i2000 yolutsha olunezidanga kodwa lungasebenzi. Kuvakala okokuba ngoku ukusukela kwe yomnquma iSebe sele ligaye into ephaya kwi 1341 yolutsha.
Kuvakala okokuba le projekithi yogayo loluthsa isebenzisana neSebe Lengqesho nemisebenzi kunye ne Harambe Youth Employment Accelarator njenge nxalenye ye National Pathway Management Network. Kubonakala oku iyindlela eyiyo ekuvelisweni kwamathuba emisebenzi. Le projekithi yeminyaka emithathu neyi R2.4 billion yaye yaziswa nguPrezidanti Cyril Ramaphosa ngethuba wayesenza intetho yakhe yesizwe (SONA). Omnye wolutsha owathi waxhamla ngethuba iqala le projekithi yokusetyenziswa kobuchwepesha bale mihla (Digital project) ukuguqula imininingwana yoluntu ebisemaphepheni ibe ngu Kamogelo Kgatshe waba ngumanjela wale projekithi. Okufunekayo kolo lutsha lufuna umsebenzi yile mininingwane efunekayo apha ngezantsi nenombolo engu 0800727272
Ngubani onokufaka isicelo?
Abemi boMzantsi Afrika abaphakathi kweminyaka eli-18 nama-35 ubudala. Iziqinisekiso zakho kufuneka zihambelane nobuncinci bemfuno yendima oyifakelayo isicelo. Akukho ngxelo yolwaphulo-mthetho; kunye nembali ecacileyo yetyala
Iindima kunye nemivuzo
R5000 ngenyanga. Amaxwebhu oLawulo lweWarehouse (izithuba ezili-16). Iimbaleki (240 izithuba). Abalungiseleli (izithuba ezingama-735). Udityaniswa kwakhona (izithuba ezingama-734). Ukufumana oomabhalane (izithuba ezili-100). Iskena (izithuba ezili-125). Abaqhubi (izithuba ezili-10). Izalathisi (izithuba ezili-1600) – R5500 ngenyanga. Abalawuli bomgangatho (izithuba ezingama-200) – ama-R6500 ngenyanga. Iinkokeli zeqela (izithuba ezingama-210) – R6500 ngenyanga. Inkxaso yoBugcisa (izithuba ezingama-24) – R9500 ngenyanga. Abaphathi (izithuba ezi-6) – R14250 ngenyanga.

