Limisiwe Ityala losolwa ngokufaka ibango lobuqhetsheba kwaRAF
Monti
Lizakuphinda livele kwiNkundla kaMantyi yaseMonti inenekazi laseMbizana elineminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala. Iingxelo zidiza ukuba uThandeka Maquthu wafaka ibango lemali ekwizigidi ezibini ezinesithathu zerandi (R2.3million), kwabakwa Road Accident Fund ekhalazela ukugilwa yimoto engazange imise emvakoko. Kwelinye icala uphando olwenziwe ngabakwa-RAF lufumanise ukuba elinenekazi lonzakala nje lizihambela.
Isithethi sebutho looKhetshe eMpuma Kapa uYolisa Mgolodela uthe: “UMaquthu wayokuvula ityala kwisikhululo samapolisa saseMbizana, ngomhla wesihlanu kuCanzibe ngo-2021, ekhalazela ukugilwa onzakaliswe yimoto yakugqiba ayamisa. Zaye zaphicothwa zona iimpepha ngoSosayensi (Forensic Investigators) bakwa-RAF, abazange bahluthe yingcombolo abayifumeneyo kwezoncwadi zebango zikaMaquthu kwanyanzeleka kuphandwe nangakumbi,” utshilo uMgolodela.
UMgolodela waleke ngelithi, ngenene kufunyaniswe ukuba elinenekazi laseMbizana lonzakala ngethuba lizihambela, akukho kwangozi yemoto ngandawo. Uthe abakwa-RAF bachithe imali engamawaka alishumi elinambini namakhulu asibhozo aneshumi elinesitha andathu (12,833) ukuphanda iinkcukacha zelibango.
Ukongeza uMgolodela uthe: “Lenyewe yadluliselwa kwiSebe, eliseMonti, looKhetshe eliphanda ngobuqhophololo. Loo nto ikhokhelele ekubanjweni komrhanelwa ngoLwesibini, nalapho aye wafumana ibheyile yamakhulu amahlanu (R500). Umrhanelwa uzakuphinda avele kwiNkundla kaMantyi yaseMonti ngomhla wesihlanu kuCanzibe kulo nyaka sikuwo ejongene netyala lobuqhophololo (fraud).