Babeka imfundo phambile eMasonwabe
11 May 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Isikolo samabanga aphantsi iMasonwabe eNgcobo sinxibise abafundi otayi abohlukileyo kunabo bafana nababanye abafundi. Izikolo zaseNgcobo sele zikuqhuba oku ingakumbi ezo zisedolophini. Ukunxityiswa kwabafundi lamatayi kubachaza ukuba benza unyaka wabo wokugqibela kwisikolo esi nabazakuthi baphume kunyaka olandelayo baye kwezinye izikolo.
Ithetha lukhulu lento yalamatayi kwabo bathi banxityiswe. Oyinqununu kwisikolo esi uMnu uBhawule uthi bayavuya kakhulu bede bakwenza oku kuba bayaqala bezakuqhuba nako ngoku . “Sizive sonwabile kuba nabefundintsapho sibacela banxibe izidanga aba ukuba nabo ababafundi sibafuna benye kwiminyaka ezayo asinomyalezo kubo othi bakuhloniphe oku kuba sibkuthetha lukhulu sisikhumbuzo sokuba bakwazi ukufika kwelibanga kuba siyayazi abantwana abaninzi bayohluleka sisikolo, sithi kwaba zebabethe bade bayofika ekugqibeleni kuba imfundo yeyonanto izakubanceda babheke phambili, sifuna ngomso sibakhombe bengogqirha nomantyi, sithi kubo yonke into yenziwa ngentlonipho,” utshilo uBhawule.
Abazali benonwabile kukubona abantwana babo bebekelwe bucala.Umama uNozuko Mteyi nonomntana onxibe utayi uthi le yenzekileyo into sokuze bayilibale kuba ibakhuthazela abantwana bazazi apho baya khona.” Sinomnqweno woba bangaze balibale uba benza isifungo sokuba bakufunda incwadi zabo baziyeke zonke ezinye izinto, sithembisa ukubaxhasa de babenekamva eliqaqambileyo,” utshilo uMteyi. Isikolo esi sizimisele ukufana nezo zisedolophini.


