BusinessLocalNews

UVukuzenzele uyaphila eNgcobo

12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Yonela Mpaka

Osomashishini abasakhulayo bomasipala iDr AB Xuma bathe baxhamla kwisibonelelo esithe sakhutshwa yi Siqalo Youth fund phantsi kwe ofisi yeNkulumbuso yePhondo  Le Mpuma  koloni. Abathe bafumana ifriji ezinkulu zokuqhuba amashishini ngabo babenze izicelo kwiSiqalo. Ukuxhaswa kosomashishini abasakhulayo yinto esele iqheleke kakhulu kubantu base Ngcobo nekuliwa intswelangqesho.

Ongusomashishini u Nonkosinathi Falanti nohlala kwindawo yase Msawawa eNgcobo ubenethamsanqa elikwabo bafumene ifriji nazakuthi aqiniseke ngokunceda abantu ukuze afumane imali. “Ndivuya  kakhulu ndiziva ndonwabile emva kwemizamo engaka ndide ndabe  ndiyaxhaswa, izicelo beziphuma ndifake kodwa ndakuva indaba zokuba ndiphumelele kubemnandi kuba andinanto ndinayo ngoku ndijonge ukulikhulisa kakhulu ishishini lam liye phambili, ndifuna nokhuthaza abo bangekaqali ukuba mabaqalise imali ikhangelwa ngenye imali ,” utshilo.

Umasipala naye udlale igalelo ekhuthaza nabantu abatsha ukuba bangatyhafi. Ongu Chief whip kumasipala uCllr Nobuntu  Mgidi  uthi banceda oqinisekileyo ukuba uyafuna uya phambili, uthi xa ufaka isicelo funeka uqinisekise ukuba uyasilandelela, bayakhuthaza ukuba abantu bangawayeki amathuba avelayo. Bangapha kwesihlanu abantu abathe baxhaswa phantsi kweSiqalo Youth Fund.