IiPre-schools ziphiwe amatanki e-Amahlathi
10 August 2023 – Anele Raziya
EMPUMA KAPA
Amaziko wezemfundo afunda abantwana ngaphambi kokuba bangene esikolweni, iiPre-Schools (Early Childhood Development Centres) ezingaphantsi komasipala i-Amahlathi, axhamle kwinkqubo yokunikezelwa kwamatanki wamanzi.
Ngokuyinxalenye yale nyanga yokubhiyozela usuku lesikhumbuzo sokuzalwa kwalowo wayesakuba nguMongameli weli uNelson Rholihlahla Mandela, umasipala wesithili i-Amathole ubambisene neArhente, Aspire banikezele ngamatanki wamanzi kwiiPre-Schools ezintlanu kwindawo yaseDakana naseMgwali eAmahlathi.
USodolophu waseAmathole, uAnele Ntsangani ekunye nobambele njenge ngqonyela kwiArhente, Aspire, uCwayita Stofile baqale ngokutyala imifuno (vegetable) kwiigadi zezi Early Childhood Development Centres zaseAmahlathi.
Emva koko uNtsangani noStofile baye banikezela ngala matanki kwiJungoluntu Educare Centre kwindawo yaseDakana, banika Sinemihlali Primary Trading Cooperatives, Khulani Day Care Centre, Ikhwezilangomso Day Care Centre, zonke ezo iindawo zizinze eMgwali, eAmahlathi.
UNtsangani uthe bayizingca ngale nkqubo yabo yokunika inkxaso i-Early Childhood Development Centres kuba uMandela ngumntu owayeyithanda imfundo kakhulu.
Uqhube wathi lamaziko ngawona anika abantwana isiseko semfundo kwaye kubalulekile ukuba anikwe inkxaso ayidingayo ngalo lonke ixesha.
Uthembise ngokuba abaphelelanga ukunceda iiPre-Schools zaseAmahlathi kuphela, uthe bazakufikelela nakwezinye iindawo baxhase nakuzo ngamatanki wamanzi.
UStofile uthe lamatanki athwala umthamo ongange litha eziyi5000 kwitanki ngalinye nto leyo izakwenza umahluko omkhulu.
Uthe njengokuba bebambisene neAmathole basazimisele ukubuyela kwezi pre-schools bezokunikezela ngeezixhobo zokudlala zabantwana.
Ngolu suku lika Madiba baye banikezela nangezityalo zemifuno kuzo zonke ezi Early Childhood Development Centres ngenjongo zokuba zizivelisele ukutya ezigadini.
USihlalo weDay Care Centres eAmahlathi, uNohomba Xosa ucele kwiArhente Aspire neAmathole ukuba kuncediswe kwakhiwe amanye amagumbi wokufundela kuba abantwana aboneli bonke kwezinye centres.
UXosa ubulele nangenkxaso abayifumeneyo kwiCentres zabo kwaye wathi izokhuthaza abantwana nabazali.
