Ayakude amafama avelisa uboya
27 April 2023 – Yonela Mpaka
Komani
Amafama abizwa Mbekweni wool growers association eKomani athe anikezwa ngeshedi yokuchebela igusha. Oku kwenziwa ngumphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba umama uNonqubela Pieters. Ukuxhamla kwamafama kwishedi abazinikezwa ngurhulumente kubonakala kuthetha lukhulu kubo. Iwool growers association ngumbutho wamafama oboya asele eqhubela phambili ayazi nokubabuleka kokufuya. Abaxhamli kule shedi phantsi kuka tata uSakhumzi Mbhekeni nongumfuyi wegusha uthi urhulumente kudala bemlindile bayavuya kakhulu xa ide yakhona into ecacayo ayenzayo.
“Sonwabe ngendlela engathethekiyo ngoku sakuyeka ukuchebela igusha zethi kwindawo engacacanga, ukufuya kuthi kuthetha lukhulu kuba siyathengisa sifumane imali sifundise abantwana bethu ngayo nangoku sitya kamandi ezindlini akhonto siyidingayo, sicela urhulumente athi gqolo ukusinceda kuba sifuna ukuya phambili sisithi kubaxhasi bethu nangamso sonwabile kakhulu,” utshilo utata uMbhekeni.
UMphathiswa umama u Pieters uthethe namafama ewakhuthaza ukuba aqhube abheke phambili kuba imisebenzi inqabile ngoku.” Yonke into ngoku ifuna imali sizothi nantsi ishedi yokuninceda niyeke ukuhambe nichebela emizini, sifuna nokhuthaza ukuba leshedi izingajiki ibeyindawo engahoyekanga kwiminyaka ezayo sifuna niyigcine iloluhlobo ilulo, sijwakhuthaza nabantu abatsha ukuba balandele ekhondweni, ” utshilo u Pieters. Umbutho iWool growers association ngamafana asele ekwazi nokuvakalisa ingxaki ahlanga nazo kurhulumente. Sele iyiminyaka uqhuba lombutho phantsi kwenkokheli ezikwaziyo ncakasana ukufuya ukuba kubaluleke kangakanani. Ibhongo elikhulu nakubantu bendawo bevuyela inqubela phambili.

