Umthetho bayawazi e Lady Frere
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
Lady Frere
Umasipala wase Emalahleni kwidolophu yase Ladyfrere uthe wabhiyozela usuku lokuzalwa kuka tata u Nelson Mandela phantsi komxholo othi makuliwe indlala kubuyiswe ubunye. Amasebe ohlukeneyo kuquka lawo angathathintweni athe bhazalala kulomasipala encedisana namakhaya kucocwa kuphekwa kusenziwa imisebenzi yezandla. Isenta ebizwa u Tholulwazi ithe yaxhamla ngokuthi iyokucocwa ngabenkampani yakwa Glencore beqinisekisa ukuba bayishiya igumgangatho oncomekayo phantsi kokubhiyozela olusuku.
Ukutya okuyinyambalala nekuthe kwaxhamlwa ngabo bangathathintweni kushiye amakhaya amaninzi echulumancile. Abathe bakufumana okukutya benze umbulelo omkhulu kwabo bafake isandla besithi kumakhaya wabo ngoku indlala izakukhe imnke, Isenta ebizwa ECD ithe yalungiswa amagumbi ebesele esiwa ukuze ingabisahambela phambili nokuwa.
Amagqwetha akwa Mfundo Sibiya nawakwa Mcwango Masenya athathe inxaxheba ukuncedisana nabahlali ebaxelela banzi ngendlela umthetho osebenza ngawo uxhamlisa abaninzi abebekade bevalekile .Oku kwenziwe kumasipala wase Emalahleni. OnguSodolophu uNtombizanele Koni uwenzile umbulelo kuye wonke umntu odlale indima ekubhiyozeni ephucula impilo zabantu base Lady Frere esithi kubechosi kubehele.


