Sports

Umasipala waseNgqushwa ubona imidlalo inokhuselo kulutsha

27 April 2023 – Anele Raziya

Ngqushwa

UMasipala waseNgqushwa ubona imidlalo iyenye yezinto enokuthi igcine abantu abatsha bekude kwiziyobisi nolwaphulomthetho.

Kutsha nje Inkwenkwezi Youth Development ibambisene nomasipala waseNgqushwa nombutho webhola ekhatywayo ekuhlaleni, iNgqushwa football association (Ngqushwa LFA) bebesindleke imidlalo.

Ngamaqela angamashumi amathathu (30) ebephuma kwindawo ezahlukeneyo eNgqushwa nangaphandle aye athatha inxaxheba kule midlalo.

Wonke lomaqela ebesilwela ibhaso lokuqala ebeliyi R30 thousand, indebe, ikiti neembasa zeegolide.

Ukanti imbaso lesibini ibiyi R20 thousand, ikiti neembasa zeesilivere.

Ngokwendlela ebekugcwele ngayo kwibala iPrudhoe sport field apho bekusindlekwe khona imidlalo, uSodolophu waseNgqushwa uSanga Maneli,

uye wavakalisa uchulumanco kwaye wathi kuluvuyo ubona abantu abatsha bezikhwebule kwiziyobisi nakwizinto ezifana nolwaphulomthetho.

UManeli ngexesha ezakunika amaqela aqhube kakuhle amabhaso, uye wakhuthaza ulutsha lwaseNgqushwa ukuba luhambele kude kwiziyobisi.

Uthe iziyobisi ziyongozi kulutsha kwaye zitshabalalisa ikamva.

Uqhube wathi bengumasipala bazakuqinisekisa ukuba bathi gqolo ukuxhasa imidlalo ngenjongo zokuncedisana nolutsha ukuba luziphuhlise emidlalweni kwaye lungasondeli kwiziyobisi nolwaphulomthetho.

Kule midlalo iBuffalo City yiyo eye yaphumelela isixa mali esiyi R30 000, indebe, ikiti neembasa emveni kokuba ibethe iMax’XI FC kumdlalo wamanqam.

IMax’XI FC iye yagoduka iphethe isixa semali esiyi R20 000, neembasa zesilivere nekiti.

UManeli uye wawabulela wonke amaqela aye athatha inxaxheba kule midlalo kwaye wabulela nebaxhasi bemidlalo Inkwenkwezi Foundation nethe yaqaqambisa igama lomasipala waseNgqushwa.

Uvalelise ngelithi umasipala uzibophelele kwicala lokuqinisekisa ukuba wonke umi waseNgqushwa uyaxhamla kwinkonzo zikarhulumente kwaye benza ngako konke okusemandleni ukuba ulutsha nabahlali baxhamle kumathuba wengqesho avelayo.