LocalSports

Umasipala wase Mbhashe ubekele bucala imali yezemidlalo

11 May 2023 – Anele Raziya

EDUTYWA

Umasipala waseMbhashe eDutywa unemali oyobikele bucala ngenjongo zokunika inkxaso abantu abatsha kwezemidlalo.

Kwiveki ephelileyo usodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda ubhengeze ukuba bafuna ukulwa ukusetyenziswa kweziyobisi lulutsha ngokuthi basindleke imidlalo yendebe kaSodolophu kule nyanga, iMayor’s Cup ngelasemzini ulwimi.

UJanda uthe ufuna ulutsha lwaseMbhashe luzikwebule kwizenzo zolwaphulo mthetho nokusebenzisa iziyobisi lujongane nezemidlalo kuphela.

Uqhube wathi imidlalo yendebe kaSodolophu izakuqala ukuqhuba kwingingqi kule mpelaveki siya kuyo ze ngomhla wamashumi amabini kule nyanga kubanjwe imidlalo yamanqam kwibala laseNgxakaxha cebu kuhle nedolophu yaseDutywa.

Umdlalo webhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi kunye nomdlalo wamanqindi yeeminye yemidlalo ezakuba khona kule midlalo yendebe kaSodolophu waseMbhashe.

Amaqela aphume phambili kwimidlalo yamanqam kulindeleke ukuba afumane izigubha zamambaso ngokwengxelo yomasipala waseMbhashe.

Xa kusindlekwe lemidlalo kulindeleke ukuba amasebe afana nenkonzo yesipolisa, iNPA namanye amasebe karhulumente abeyinxalenye ngenjongo zokufundisa ulutsha ngobugozi bokusebenzisa iziyobisi nokwenza ulwaphulo mthetho.

Ukanti umasipala ufuna nokuxhobisa abahlali malunga nempatho gadalala kwicala lamanina nto leyo kubonakala ixhaphakileyo emakhaya.

Abo bakhangela iitalente kubadlali nabo baceliwe ngumasipala waseMbhashe ukuba babeyinxalenye yemidlalo bazokujonga ukuba abanofumana badlala.

Iqela elifana neBush Bucks kulindeleke ukuba libekhona nalo uzokujonga abadlali abanesakhono zokudlala ibhola kule ndebe kaSodolophu waseMbhashe.

Amaqela womculo wasekuhlaleni kulindeleke ukuba nawo anikwe ithuba lokuba onwabise abantu abazakuzimasa imidlalo.

Oosomashishini basekuhlaleni nabo bazakufumana ithuba lokuthengisa izinto zabo xa kuqhuba letumente ukuze bazenzele imali.