EducationLocalNews

Baxhamle abafundi beziko eliphezulu

Yonela Mpaka

Abombutho we Young Communist League  (YCL)  ngamafuphi batyelele kwisikolo iKing Sabatha Dalindyebo kwidolophu yase Ngcobo  ukuyonikeza ngokutya kubafundi abangathathintweni. Abombutho bakuqhube oku phantsi kwenjongo zokuba abo bafundayo baqiniseke esikolweni nokuba imeko abaphuma phantsi zimaxongo.

Osuka kumbutho u Zama Mnqanqeni uthi okwabo kukuqinisekisa ukuba bayabajonga abafundi ngamaxesha onke kuba bakhona abo basuka kumakhaya ekunzima kuwo nabafika esikolweni basokole. Sibone masose ukutya kwabo bathile kuba imeko zamakhaya azifani kuba siqaphele bayafuna ukufunda nangona bukhona ubunzima sibonisene saqonda masihambe siyonikela kubafundi ukuze bangathi xabesiya kumagumbi okufundela baye belambile, sinomyalezo othi kubafundi nokuba uphuma kwikhaya elinjani siyayikhuthaza imfundo ukuba iqhube yona, sikhuthaza ukuba bancedane xabekwizikolo ukuze kungabikho lowo usilelayo, sihlaba ikhwelo nakwabanye abantu ukuba xakukho lonto nokuba incinci bamane ukuwatyelela amaziko emfundo ukuyoxhasa abafundi , “utshilo uMnqanqeni.

Abafundi bakhuthaziwe ukuba bavote  ngalolonke ixesha ukuze bazokwazi ukulwela amalungelo wabo.Umfundi othe wafumana ukutya uLiyabona Gwantshu uthi ukunikezwa into esiwa phantsi kwempumlo kuthetha lukhulu kuye kuba uthi akanabo abazali kubanzima kakhulu kodwa uyafuna kufunda. Ndenza omkhulu umbulelo kulombutho kuba into yokudinga ukutya ibambi kakhulu uye ungakwazi nokumamela kakuhle evlasini xa ulambile ,lombutho mawuqhube usixhasa, “utshilo uGwantshu.

Lo mbutho ukhe watyelela kwisikolo samabanga aphakamileyo Ngcobo  Village uyonikeza nge sanitory towels kubafundi abangamantombazana. UMdunyelwa Masibulele  nokwalilungu lalombutho uthi bazakuqhuba ukuxhasa abafundi ngalolonke ixesha.