CommunityLocalNews

UMasipala uthembisa ngoku phucula inkonzo eziya eluntwini

25 May 2023 – Anele Raziya

ENgqushwa

UMasipala wesithili seAmathole uvakalise ukuba uzimisele ukwenza ngako konke okusemandleni ukuphucula inkonzo eziya eluntwini kunyaka ka2023/24.

Oku kuvele kule nyanga ngexesha umasipala wesithili ujikelelaza bonke oomasipala basekuhlaleni abangaphantsi kwakhe abaquka uMnquma, Mbhashe, Ngushwa, Amahlathi, Raymond Mhlaba neGreat Kei nalapho ubuncokola nabahlali malunga nesigcwaso nkqubo esihlanganisiweyo sophuhliso (draft IDP).

Kwintlanganiso eziye zabanjwa ngumasipala wesithili seAmathole, uye wanika abahlali ithuba lokuba  baphakamise iizinto abazidingayo kwindawo zabo.

Ngexesha umasipala wesithili utyelele eNgqushwa kwiveki ephelileyo, usodolophu, uAnele Ntsangani uye waxelela abahlali bakhona ukuba bangumasipala babekele bucala imali engange R33 409 030.00 ukuphucula inkonzo zamanzi eNgqushwa.

Uqhube wathi lemali izakusebenza kuzo zonke iilali zaseNgqushwa ukusombulula yonke imicelimngeni edibanisele namanzi nezinye iinkonzo.

Uthe enye imali engange R7 307 154.00 ebekelwe bucala ngumasipala izakusetyenziswa ukuphumeza izidingo zePeddie Wastewater Treatment Works.

UNtsangani uthe bengumasipala bazimisele ukuhlangabezana nayo imicelimngeni ejongene noluntu lwaseNgqushwa kwicala lokugutyulo kwelidle nokuhanjiswa kwamanzi acocekileyo.

Ukuphuculwa kwenkonzo eNgqushwa, iAmathole ithe lonto izakwenza kubelula nakumasipala ukuba arhwebe abatyali zimali kangako efuna.

Ukulungiswa kweziseko zika masipala wesithili seAmathole ezibonakala zikwimeko engancumisiyo kwezinye iidolophu, uNtsangani uthembise ngokuba zizakunikwa ingqwalasela nazo kulo nyaka mali mtsha.