CommunityLocalNews

UMphathiswa uPeters ukuthaze amafama emfuyo aseMnquma ukuba aqhubele phambili nomsebenzi wawo oncomekayo

25 May 2023 – Anele Raziya

EMpuma Koloni

UMphathiswa ojongene noPhuhliso emaphandleni kunye noHlengahlengiso lweemiHlaba, eMpuma Koloni, uNonkqubela Peters ukhuthaze amafama wemfuyo waseMnquma ukuba aqhubele phambili nomsebenzi wawo oncomekayo.

Kwiveki ephelileyo, uPeters ekhatshwa ngamagosa ebephuma kumasipala waseMnquma eGcuwa baye batyelela amafama abizwa iBongweni Woolgrowers association eNgqamakhwe nalapho bebeyokuwanika iShearing Shed.

Ngaphambi kokuba iBongweni Woolgrowers association inikwe iShearing Shed kuye kwabanjwa umsitho apho amafama ebebonisa ngeegusha azifuyileyo kule lali yaseBongweni.

UPeters khange akwazi ukuwuvala umlomo luncumo ngenxa yokuba ebona indlela aqhuba ngayo kakuhle amafama waseNgqamakhwe kwicala lokufuya iigusha.

Kangangokuba uncome uboya beegusha zalamafama esithi bukumngangatho ophezulu kwaye neegusha zibonakala zondlekile nto leyo echaza ukuba zikhathalelwe.

Uxhase amafama weBongweni Woolgrowers association ngokuwanika iShearing shed enizixhobo zokusebenza ngaphakathi kuyo, waphinda wawanika amayeza nokutya kwemfuyo.

Ethetha kulo msitho, uPeters uthe isebe lakhe lichithe imali engaphaya koR1.3 million ukuqinisekisa ukuba lizisa ezinkonzo kumafama waseNgqamakhwe.

UNosiseko Mbangeleli owazimanya neBongweni Woolgrowers association eneegusha ezinga 40, uthe iassociation yabo yenza umsebenzi omhle kakhulu kangangokuba uneegusha ezingamakhulu220 xa kunamhlanje ngenxa yokusebnza kwabo ngokuzimisela.

UMbangeleli uthe bayibulela kakhulu inkxaso abayifumana kurhulumente kwaye izokutshintsha impilo zabo nangakumbi bengafama.

UPeters ukhuthaze amafama ukuba azithengise iigusha zawo zisakhula angazilindi zide ziguge kuba lonto izakwenza kubenzima ukuba zithengwe emarikeni.

USomlomo weBhunga lomasipala waseMnquma, uMonica Qaba obemele umasipala, uthe bengurhulumente bazakuqinisekisa ukuba ziyaxhaswa iiprojekthi zasekuhlaleni.

UQaba uthe uvuya kakhulu yintsebenziswani yabo nesebe nejolise ekuphuhliseni amafama waseMnquma.

Uthe nabanye abangekafumani inkxaso esebe nakumasipala lizakufika elabo ixesha baxhaswe.

Amafama ngabanye babantu abadlali indima enkulu kwicala lokhulisa uqoqosho lwasekuhlaleni lwaseMnquma.