UMbhashe use nengxaki yamanzi
24 August 2023 – Anele Raziya
EXHORHA
Umasipala wesithili seAmathole ukwiphulo lokuvuselela iiForums ekuhlaleni ezizakuncedisana norhulumente ukugada abo bonakalisa iimimbombo ehambisa amanzi eluntwini.
Oku kuvele ngexesha umasipala i-Amathole ebetyelele kwindawo yaseXhorha eMbhashe nalapho ebeyokuqwalasela imicelimngeni ejongene noluntu.
UCeba uNomonde Geza oyintloko kwicandela le njineli (Engineering Portfolio Head) eAmathole ebekunye noCeba, uCeliwe Genyane namagosa wakwa masipala ngexesha bebehlangene nabahlali kwiholo yoluntu yaseXhorha.
Kule ntlanganiso, uGeza uqale ngokunikezela ngamatanki wamanzi angaphaya kwesihlanu kwiiWadi zaseXhosa ngenjongo zokuncedisana nabahlali kwinto yokunqaba kwamanzi.
Ethetha nabahlali uthe injongo zendibano zezokuba bengumasipala bavuselela iikomiti abazibiza njenge Water Forums, nenjongo zazo ikukuba zincendisane norhulumente ukulwa into yokonakaliswa kwezi seko zaseAmathole ezifana neembombo ehambisa amanzi kuquka neempompo eziphuma wona.
Uqhube wathi ukonakaliswa kweziseko zaseAmathole kuyayiphazamisa inkqubo yokuhanjiswa kwamanzi kunye nelindle ekuhlaleni.
Uthe yiyo lento bebone kubalulekile ukuba kuvuselelwe ezi komiti zizakwenziwa ngabahlali, amapolisa, ngamagosa wakwaEskom, iinkosi kunye neminye imibutho yasekuhlaleni ukunqanda ukonakalisa ukubiwa kweeGenerator ezincedisayo ukutsala amanzi.
Kwaye ezi komiti zeWater Forums zizonceda nokuchaza xa umbane oncedisayo utsala amanzi emadamini ucimile.
UGeza uthe amatanki abanikezele ngawo azakuncedisa nawo kuyo yonke imicelimngeni abajongene nayo abahlali malunga nokunqaba kwamanzi.
Uthe bengumasipala baneeprojekthi zamanzi ezimbini abazenzayo eXhorha nakwilali yaseMncwasa kwaye zizakuncedisa kwinto yokunqaba kwamanzi xa zigqityiwe ukwakhiwa.
Kwezo projekthi kwenziwa amadami neendawo zokugcina amanzi ziphinde ziwahambise xa edingeka eluntwini.
Iprojekthi yaseMncwasa kuyavakala ukuba sele isebenza kodwa iye ithwaxeke xa kukho ucimi-cimi wombane kuba iye ingasebenzi.
Amathole ithe izakuthetha neziko eliphehla umbane uEskom ukuba akhawulelane nabo ukuze zingacimi ezindawo zisebenzisa umbane uhambisa amanzi ebahlalini.
I-Amathole uza kuhambela nezinye iindawo ngenjongo zokuvuselela eWater Forums zizoncedisa ugada abantu abonakalisa iimimbombo yamanzi.


