Zivukile ivenkile zabantu abamnyama ezilalini
25 May 2023 – Yonela Mpaka
ENgcobo
Umasipala wase Dr AB Xuma uthe waxhasa osomashishini abasakhulayo ngokubanikeza (ivoucher) yokutya exabisa iR5000. Abasomashishuni bathe baxhamla ngabo banevenkile ezincinci eziqhubayo ezilalini. Bangamashumi amane abo bathe baxhamla besuka kwi wadi zonke zase Ngcobo. Ibeliphulo elihle kakhulu eli nabaliqhwabele izandla abaxhamli phantsi kokuba beqala ukufumana ukuncediswa ngoluhlobo.
UVuyo Mgxaji nothe wazifumanela le voucher uthi ishishini uliqale ngelaxesha kwakuqala icovid neyambangela afunde ukuzenzela.” Ndaye ndaphelelwa ngumsebenzi aphela amathemba kum ndingayazi nokuba ndakutshona ngaphi lafika icebo lemali yesibonelelo esiyi R350 ndaqonda mandithathe yona ndicukuceze ukuze ndithengise, khange kubelula kuba kukho ezivenkile zangaphandle zithengisa nganaxabiso aphantsi kodwa lonto khange indenze ndityhafe nangoku ndiyaqhuba, ndabulela kumasipala ngokuba asixhase andinobasabuya ngamva ngoku ndiya phambili, ” utshilo uMgxaji. Umasipala kokokuqala elenze eliphulo walokunikisa nge voucher.
Uxhase amashishini amaninzi ingakumbi abo bangabethungi ebathengela izixhobo. Usodolophu walomasipala uSiyabulela Zangqa uthi sisiqalo esi bajonge ukuxhasa wonke umntu ovuka azenzele. “Sikhuthazwa nakukubona abantu abatsha bezenzela ingeniso ezilalini sifuna osomashishuni abancinci hayi ukusoloko sidibana nabantu abadala, sifuna baqiniseke ngokuwakhulisa amashishini wabo bangatyhafiswa ngabantu bangaphandle, sizakuthi gqolo ukubaxhasa ukuba baqhuba kakuhle sizakulandelela konke oku sikwenzayo kubo,” utshilo uZangqa. Ongumfama ophume izandla kwidolophu yase Ngcobo uLusanda Sizani ukhuthaze ukuba makusetyenziwe umhlaba abantu balime izophela indlala.


