CommunityLocalSports

I-Uyinene Mrwetyana Foundation ilwisana ne GBV

15 ISilimela 2023 – Anele Raziya

Centane

Uyinene Mrwetyana Foundation izimisele ukulwa into yokuphathwa ngadalala kwabasetyhini ngezesondo kwaye ikhuthaze abantwana abasakhulayo kwezemidlalo ingakumbi kwindawo yaseMnquma.

Oku kuvele ngexesha i-Uyinene Mrwetyana Foundation ibiphehlelela iqela lebhola ekhatywayo kwilali yaseQina kuCentane ngoMgqibelo.

Owayesakudlalela iqela lesizwe, iBafana Bafana, uSibusiso Zuma, abahlali bakuCentane, umasipala waseMnquma nabathandi bezemidlalo bebeyinxalenye yalo msitho ububanjelwe kwilali yaseQina.

UYinene Mrwetyana (20) owayengumfundi kwiUyinivesithi iUCT eKapa wadlengulwa waze wabulawa kabuhlungu kwenye yePosi zaseKapa ngo2019.

Emveni kwesiganeko kwaye kwasungulwa iFoundation egameni lakhe ngenjongo zokulwa iphatho gadalala ngakumanina, iGBV, kwaye kuxhotyiswe abantwana abasakhulayo malunga nendlela yokuziphatha.

Ngokuya iminyaka iqhuba iFoundation iye yathatha isigqibo sokuba isungule iqela lebhola ekhatywayo kwindawo yaseQina nekulapho uYinene azalwa khona.

Ngexesha kuqhuba umsitho, uZuma obesisithethi sembeko, uye wazibophelela ukuba uzakusebenzisana nale Foundation ukuphuhlisa ezemidlalo kwindawo yakuCentane.

“Ndiyabulela ukuba nindibizile ukuba ndibeyinxalenye yalo kwaye ndiyathembisa ukuba ndizakuncedisa nam uphuhlisa ezemidlalo apha eQina,” kutsho uZuma ngexesha esenza intetho yakhe yokhuthaza ulutsha lwaseQina.

Uthe ezemidlalo zibalulekile kwaye ziyanceda ukhulisa abantwana ukuze babenesimilo kwaye bahloniphe.

Uqhube wathi ulutsha maluhambele kude kwiziyobisi kwaye luthande isikolo ukuze lizoba nekamva eliqaqambileyo.

UZuma uxelele ulutsha lwakuCentane ukuba naye ukhulele kwilali efanayo neyaseQina esokola kodwa wakwazi uzenzela igama kwibhola ekhatywayo ngenxa yokuzimisela kwakhe nokuhambela kude kwiziyobisi.

Uxelele abazali bakaUyinene ukuba uzakumana ebuya ezokuqeqesha abantwana kweli qela libizwa Uyinene Mrwetyana Football Club.

Uyisonge intetho yakhe ngokuthi, angathanda ukuba kubekhona umdlali ophuma kwilali yaseQina ozakudlalela amaqela amakhulu etivini ukuze abesisibonelo kwabanye abantwana kwaye uthe uzakuqinisekisa ukuba iyenzeka lonto.

Abazali bakaUyinene, uNomangwane onguMama wakhe, uMabhelandile, uTata wakhe, baye babulela wonke umntu oxhase umsitho kwaye bathi kwiqela i-Uyinene Mrwetyana Football Club bazakudlalisa wonke umntana wakuCentane.

Bathe ngeliqela bafuna urhweba abantwana ukuze babaxoxe izimilo ngexesha badlalayo ukuze kuphume iinkokheli kunye nabadlali abaphume izandla bangomso.