CommunityLocalNews

Abaqhankqalazi bathi mazivalwe iithaveni kumbindi weMonti

08 ISilimela 2023 – Nombulelo Dumba-Hendrik – EL

Monti

“Asifuni kuphinda-phinda Enyobeni”

  • Abahlali baseDuncan Village, Scenery Park nezinye iindawo babambe umngcelele kumbindi weMonti bememelela ukuba kuvalwe iithaveni.
  • Abanye abaqhankqalazi bebesuka eScenery Park, apho abantu abangama-21 babhubhela kwithaveni ngo-2022.
  • Bathi uMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uthembise ngokuvala iithaveni ngo-2017 kodwa akazange akwenze oko.

Amapolisa ezitalatweni kwakunye namalungu emibutho yamapolisa asekuhlaleni akhokele umngcelele ngolwesithathu esithi zivalwe iithaveni kumbindi wedolophu yaseMonti.

Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu baseDuncan Village, Scenery Park kunye neendawo ezingqongileyo bangenele umngcelele osuka eDuncan Village ukuya kumbindi wedolophu. I-Scenery Park kulapho yenzeka khona intlekele yase-Enyobeni Tavern ngo-2022, xa kwabhubha abantu abangamashumi amabini ananye.

Abamatshi bebefuna ukuba zonke iithaveni ezikwiSitrato saseCalifornia, esona sitrato sixakekileyo, zivalwe. Bakwamemelele ukuba uMphathiswa wamaPolisa uBeki Cele ehle esihlalweni.

Uninzi lwamashishini esitratweni ngawabantu basemzini.

Abalandeli beqonga laseMonti bathi ezi thaveni zithengisela abantu abatsha utywala neziyobisi. Kodwa abanini bethaveni bayakuphika oku. Batyhola amapolisa ngokusilela ukubamba abathengisi beziyobisi.

Amapolisa akwathi iziyobisi zithengiswa emini kwaye amapolisa awathathi manyathelo.

Bathi lo mcimbi wawuxelwe kuCele ngo2017 kwaye wathembisa ngokuzivala iithaveni kodwa akazange akwenze oko.

Aba bamatshi bathi ukuba abanini bamashishini abazivali ngokwabo iithaveni, bazakwenza njalo. Omnye wabalindi, uBongani Ngamntu, uthe, “Into esingayifuniyo kukuhlaselwa kwabantu basemzini kodwa kwangaxeshanye asizukuthula sibe sibona abantwana bethu besifa ziziyobisi.”

UNgamntu, waseDuncan Village, uthi kwindibano yabahlali ngo2017 abahlali bacela uCele ukuba angenelele. “Samxelela ukuba amapolisa akazulazula edolophini. Oomama babebalisa amabali abuhlungu okulahlekelwa ngabantwana babo ngenxa yeziyobisi. UCele wayelila ngaloo mini. Wathembisa ukuba uza kungenelela. Kude kube namhlanje akukho nto yenziweyo,” utshilo uNgamntu.

“Ngeempelaveki sifumana amantombazana aselula ehamba ze elele apha esitalatweni exhakamfula iziyobisi. Abanye abayi kukhumbula nokuba kwenzeka ntoni kwiimpahla zabo. Abanye baya kusixelela ukuba bakhumbula kuphela ukuba ngaphakathi kwithaveni kwaye abazi ukuba baphelela njani esitratweni. Oku kusenza sigqibe kwelokuba bagalelwa iziyobisi ngoxa besela. Ndibone kuthengiswa iziyobisi apha phambi kwam emini.”

“Amapolisa azazi izinto ezimdaka ezenzeka kwesi sitalato kodwa akukho nto yenziwayo,” utshilo.

Itshantliziyo lasekuhlaleni nelungu leqonga lamapolisa, uLaduma Salman, uthe abantu abatsha bayabhubha eMonti ngenxa yeziyobisi notywala.

“Kunyaka ophelileyo siphulukene nolutsha olubhubhele ngaphakathi kwithaveni eScenery Park. Uninzi lwaba bantwana babhubhela eNyobeni bebengaphantsi kweminyaka yobudala kwaye bekungamelanga ukuba babekhona. Oku kukuxelela ukuba kukho into engalunganga ngabanini bethaveni. Asifuni impinda ye-Enyobeni,” utshilo uSalman.

Uthe isizathu sokuba bagqibe kwelokuba babambe uqhankqalazo kukuba amapolisa akabancedi.

“Ndinomsindo kuba ngoku besicinga ukuba le nto ingasonjululwa,” utshilo uSalman.

Inkosikazi ixelele iGroundUp ukuba oonyana bakhe ababini bangamakhoboka eziyobisi. “Ndingumthengisi othengisa iziqhamo, iilekese neetships. Wathi xa epasile unyana wam uGrade 12, ndamcebisa ukuba akhangele umsebenzi apha edolophini. Ndandingazi ukuba ndimthumela kwiziyobisi. Ngoku usekhaya ushiywa ziingqondo. Into ebuhlungu kukuba wazisa lo umncinci [unyana wakhe ofunda ibanga leshumi] ngeziyobisi,” utshilo.

Imemorandam yamkelwa ngumnini wethaveni uSamuel Chinedu Okeke.

Uthe uyakuqonda ukuphoxeka kwaba bamatshayo.

“Kwithaveni yam akukho mntu uthengisa iziyobisi,” watsho u-Okeke. “Kodwa ingxaki ngabantu abathengisa ngaphandle kwethaveni yam nasestratweni. Ndiye ndabaxela amatyeli amaninzi emapoliseni. Ngelishwa, akukho nto ndinokuyenza xa amapolisa angababambi.”

Uthe yena nabanye abanikazi bamashishini baza kusebenzisana namapolisa ukulwa iziyobisi.

Intloko ejongene nothintelo lolwaphulo-mthetho eBuffalo City uColonel Jongisizwe Manyisa uthi uyayazi imiba ephakanyiswe ngabahlali kunye nabalindi. Uthe umasipala wonke uchaphazelekile. UManyisana uthembise abahlali ukuba abaphathi bamapolisa bazakubuyela kubo ngomhla wokuqala kweyeKhala.