CommunityLocalNews

Abahlali belali yaseAmathole basela kulo mlambo ngelixa kuchongwa unokontraka omtsha weprojekthi yamanzi

08 ISilimela 2023 – Nombulelo Dumba-Hendrik

Butterworth

Umasipala uthatha iprojekthi yamanzi okusela ekulindeleke ukuba igqitywe kunyaka ophelileyo

  • Umasipala wesithili saseAmathole uqeshe ikontraka entsha ukuba igqibezele umsebenzi kwiprojekthi yesikim samanzi saseNgqamakhwe.
  • Le projekthi, ecetyelwe ukubonelela ngococeko kwiilali eziyi-129, yayilungiselelwe ukuqukunjelwa ngo-2022 kodwa ibe nokulibaziseka okuliqela.
  • Ubuncinci i-90% yomsebenzi uhlala ungagqitywanga.
  • I-Amathole kunye neSebe lezaManzi noGutyulo, nethe kwade kwamalunga nenyanga edlulileyo inabasebenzi bayo kwindawo, bebetyholana ngokulibaziseka kweprojekthi.
  • Ngeli xesha, iilali ezininzi ziyanyanzeleka ukuba zithenge amanzi okanye zisele amanzi amdaka emilambo, kwaye kuya kufuneka ziqhube njalo eminye iminyaka emibini okanye ide igqitywe iprojekthi.

Ngamawakawaka amakhaya kwiilali ezilikhulu elinamashumi amabini anesithoba eziphantsi komasipala wesithili sase-Amathole, eMpuma Koloni, azakuhlala engenamanzi iminyaka emibini ubuncinci.

Oku kuvele nanjengoko lo masipala ethe wavuma ukubambezeleka kweskimu samanzi saseNgqamakhwe waze waqesha ikontraka entsha ukuba igqibezele lo msebenzi.

Ngo-2020, iSebe lezaManzi noGutyulo lanikezela nge-R230-million e-Amathole kwisithuba seminyaka emithathu ukunciphisa ifuthe lembalela.

Le nkqubo yaseNgqamakhwe yenzelwe ukubonelela ngamanzi kwiilali ezingqonge iTsomo, Ngqamakhwe, Gcuwa, Engcobo ngokuthi ithathe amanzi kumasipala waseIntsika Yethu (phantsi kwesithili saseChris Hani).

Le projekthi yaqala ngoFebruwari 2021 kwaye umsebenzi bekulindeleke ukuba ugqitywe ngoMatshi 2022. Ngoxa umsebenzi kwisiza waqala ngaphandle kwamagingxigingxi, kuye kwakho ukulibaziseka okuliqela, kuquka uqhanqalazo lwabasebenzi malunga nemivuzo ngo-Agasti wonyaka ophelileyo. Okwangoku, isebe neAmathole bebetyholana ngokulibaziseka.

Umasipala uthe ufuna ukuzisa ikontraka yabucala kuba abasebenzi beSebe lezaManzi noGutyulo bagqibe i-10% kuphela yomsebenzi. Isebe belityhola umasipala ngokungakhupheli mali kwangethuba.

Ngoku, kungekapheli nonyaka emva koko, lo msebenzi usekude ukuba ugqitywe.

Isithethi sikamasipala wesithili saseAmathole uSisa Msiwa uxelele iGroundUp ukuba ulibaziseka kuba ugxothiwe ikontraka yesebe ngenxa yokungaqhubi kakuhle komsebenzi.

UMsiwa uthe inkqubo entsha yokuthengwa kwempahla iye yenziwa kwaye isiza sinikezelwe ngokusesikweni kunokontraka omtsha.

Xa iGroundUp ibityelele kwiveki ephelileyo, bekukho oonogada kuphela kumnyango wesiza.

Umhlali uDuma Bolana waseNgqamakhwe uthi umasipala ubazise ngenkampani entsha iMpumelelo Construction kwaye wathembisa ukuba umsebenzi kwesi siza uzakuphinda uqalise kungekudala.

“Asiyazi into eyenzekayo kwaye asinikwa ngcaciso. Okwangoku akukho msebenzi uqhubekayo,” utshilo

UBolana uthi abantu belali yakhe baphelelwa ngamanzi ukusukela ngo-2015. Uthi bahlawula imali efikelela kwiwaka elinamakhulu amahlanu eerandi ukuze baphinde bagalele itanki lamanzi elizilitha ezilishumi lamawaka. “Inxalenye engathandekiyo kukuba abantu abanako ukuthenga amanzi, kwaye banyanzelekile ukuba bafumane amanzi kwimijelo yamanzi amdaka kakhulu,” watsho.

USima Qwele weQonga laBathathi-nxaxheba eTsomo uthe, “Abantu bawangxamele amanzi acocekileyo. Isebe belisebenzisa ikontraka yalo kule projekthi. Ekuphela kokulibaziseka ngoko yayikukuba izinto zokusebenza azizange zifike kwangexesha, kodwa kwakukho inkqubela.”

“Abahlali nabasebenzi bebengonwabanga ngulo [masipala] kuba besisazi ukuba uza kulibazisa le projekthi, njengoko isenzeka ngoku. Abasebenzi bebemi ngelithi ukuba umasipala uyasiphelisa isivumelwano sesebe, intlawulo yabo ngoku izakwehla kwaye abanye abasebenzi bangaphulukana nemisebenzi,” utshilo uQwele.

Inqanaba lokuqala lale projekthi ibibandakanya ukwakhiwa kwesikhululo sempompo, amadama kunye nombhobho osuka kwindawo yokucoca amanzi eTsomo ukuya eNgqamakhwe. Inqanaba lesibini liya kuba ngumbhobho wamanzi amaninzi ukusuka eNgqamakhwe ukuya kwidama. Inqanaba lokugqibela liya kuba kukwakhiwa komnye umbhobho omninzi wamanzi kwindawo yokugcina amanzi kwindawo yokucoca amanzi eGcuwa.

Isigaba sokuqala sisaza kugqitywa.