Bavutha “Bhee” abazali zizenzo ezibi zee titshala
08 ISilimela 2023 – Intatheli kaDizindaba
Dutywa
Abazali bengingqi yase Mbashe bawotha ubomvu benyanzelisa okokuba kuthathwe amanyathelo aqatha ngakwii titshala ezenza izenzo ezimdaka ebantwaneni babo. Oku ibe ngumvuka wokukhulelwa kwamantombazana amabini naminyaka iphaya kwi 18 kunye ne 20 yeminyaka. Kuvakala okokuba la mantombazana aye akhulelwa phaya kwi sikolo iBonkolo apha eDutywa emva kokuzibandakanya ngesondo nezititshala.
Abasemfuthweni wolwazi bezazi nee ndaba bathi ezi titshala zimbini kukwabandakanywa ne principal lo gama omnye utitshala ongutitshala omncinci. Bona abazali bale ngingqi bathi bafuna ukubona kukho okukhulu okwenziwayo zizikhulu kwi Sebe lezeMfundo apha eMpuma Koloni. Abanye bavakalise okokuba bayathuka kukuva okokuba kungona abonwayo lo mkhuba mbi wokwabelana ngesondo kwee titshala nabantwana besikolo.
Aba bazali bathi kudala waqhubeka lo mkhwa mbi wokwabelana ngesondo kwee titshala nabantwana kodwa obekubamangaza kukungathathwa manyathelo ngabo be Sebe lezeMfundo kunye nabo bajongene nolawulo ezikolweni aba izi School Governing Body.
Yena umama uFeziwe Dikweni uthe: “Yenzeka njani le nto kuba utitshala ukwangumzali apha emntwaneni. Ingaba iye izive njani ke ititshala eye zazibandankanya ngesondo nomtwana obekwa phantsi kwayo okokuba imjonge. Mna ndithi abomthetho kufuneka bathathe amanyathelo alikhuni ngokwabelana ngakwaba “Satan” beetitshala manyathelo lawo afana nokubavalela ngaphaya kwezitshixo kwezimnyama zona izisele.” Ukanti yena umama uThobeka Ramencwana uthe: “Mna bendiyakuthi la magqwira eetitshala kumelwe okokuba kuyaqinisekiswa okokuba izenzo ezifana nezi abaphindi bazenze ngokuthi banikezelwe kumanina azithene njengeko kusenziwa emaMpondweni. Mna nditsho oku kuba ndiyazi okokuba aba titshala nokuba bangapinda bagwetywe iminyaka ejele kodwa siyakuphinda sibabone bedakasa apha phakathi kwethu,” utshilo. Ngoku abeendaba basalinde ukude beve okokuba uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni no Rhulumente bathini na.


