U-Malema angaphulukana nesihlalo epalamente
Intatheli: Monwabisi Khininda|Mzantsi Afrika

U-Julius Malema ufunyaniswe enetyala lokudubula esidlangaleleni angaphulukana nesihlalo sakhe sokuba lilungu lepalamente, kutshabalale nephupha lakhe lokuba ngumongameli elizwe, ukuba angagwetywa isithuba esingangonyaka ethothoza ejele, engenalungelo lokuhlawula umdliwo (fine). USection 47 womgaqo siseko uyamthintela nabani na othe wagwetywa isithuba esingango nyaka ukuba angalilungu lepalamente.
UJulius Malema oyinkokheli ye-EFF ebevele kwinkundla kaMantyi eMdantsane eMpuma Kapa kwiveki ephelileyo. UMalema ebejamelene namatyala amahlanu eliphambili kuwo ikukudubula esidlangalaleni. Ngomnyaka wama-2018 kwibala iSisa Dukashe eMdantsane umalela kutyholwa ukuba wadubula iimbumbu ezilishumi elinesine ukuya kwishumi elinesihlanu ebeka emngciphekweni iipilo zabantu abaqikelelwa nguma-20000 amalungu ombutho wakhe.
UMalema uthe uzakumelwa ngumagrazula weGqwetha uThembela Ngcukayithobi kwisibheno azakusifaka kwinkundla yezibheno. Kulindeleke ukuba isigwebo siwiswe kwa kule nkundla kuJanuwari wonyaka ozayo. UMalema uthe kucacile ukuba uMantyi uTwanet Olivier usebenzise ubuhlanga ukuze amfumanise enetyala ekubeni abetyholwa naye nowayesakuba ngunogada wakhe uAndriaan Snyman efunyaniswe engenatyala kwizityholo ezihlanu abebekwa zona.
UMalema uxelele abalandeli bakhe ukuba akayoyiki ijele yena: “Nanje ngomzabalazi ijele nokufa sisidanga sembeko. Bangenza nantoni abafuna ukuyenza kodwa mabahlale besazi ukuba asibuyi ngamva kumzabalazo wethu.”
