Bayabhaka eSinqumeni eNgcobo
15 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka
Ngcobo
Umasipala wase Dr AB Xuma uthe waxhasa osomashishini abasakhulayo nababhakayo belali yase Sinqumeni eNgcobo. Abababhaki bangabantu abatsha abasibhozo inani labo nabakuqala oku ngenxa yokubona ukuba imisebenzi inqabile. Ukuziqalela amashishini kokona akuxhasa kakhulu umasipala nasele esukoxhasa abo baqhuba amashishini wokuthengisa ezilalini kwivenkile ngesixa semali. Ishishini ngalinye lathi lanikezwa imali ukuze longeze izinto ezifunekayo kwivenkile nganye.
Umatshini kwakunye ne mbiza zokubhaka zinikwe le project esele inonyaka iqhuba. Untomboyise Kwelana nongomnye wababhaki uthi oku bakuqala ngathi bayadlala bebhakela izici nalapho kobakho khona itheko.
“Siyaxhaswa kakhulu ngabantu kuba lento yokubhaka sayiqala singaqinisekanga ngayo ngenxa yoba sasingenamali, sisafuna ukuxhaswa kuba sibhakela emzini ngoku sifuna ubanendawo eyeyethu, abantu balapha elalini babengayihoyanga lento yethu kodwa ekuhambeni kwexesha bakhona abangenayo bekhona kwa abo baphumayo, umadipala othe wasinika izixhobo sivuya kakhulu sisithi kuye le indlela besiyihamba singaqinisekanga kodwa ngoku siya phambili, sithi umasipala aqhube esixhasa kangangoko anako, sikhuthaza nabanye abantu baqale izinto ukuze bazokwazi ukuncediswa,” utshilo uKwelana.
Umama uMgidi Nobantu nokwamasipala ukhuthaze abantu abatsha ukuba baqhube ukutyelela kwi ofisi zabo bayofuna uncedo.”
Sithi kubantu abatsha lithuba labo eli xa besiza nento ebhalwe phantsi ecacileyo siyakubanika lonto bayifunayo, ngoku siqale siyibone into abantu abayenzayo kuba asifuni kuxhasa abantu abangenambono wanto, sivulile kwi ofisi sisithi nakwaba sibanike ezizixhobo sinqwenela baqhube babheke phambi ngomso babenamashishini amakhulu,” utshilo uMgidi.
Abantu belali nabebekhona ngethuba kunikezwa ezizixhobo babonakalise uvuyo. Umama uNozuko uthi bona sebebadala abasakwazi ukwenza bayavuya ukubona abantu abatsha bephakama besenza izinto ezibonwa ngamehlo, siyababongela kumasipala


