Siphuhlisa ngolimo kumafama
15 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka
Nqancule – ENgcobo
UMphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba umama uNonqubela Pieters unikeze ngeshedi kumafama ase Nqancule eNgcobo. Amafama afuye igusha nabizwa u Siyakha athe anikezwa leshedi yezigidi gidi zerandi.
La mafama aqala azokhela ishedi ngemali awayemane eyibetha. Ongumfama utata uBalingene Besuthu uthi bayavuya kakhulu benikezwe leshedi bebekade bechebela kuleyo babeyokhile nengekho kumgangatho ofanelekileyo.
“Sibamba ngazo zozibini kwisebe elibone intlupheko yethu emva kweminyaka sisokola kuba sikwilali ezikude kakhulu edolophini. Akukhonto iyakuphinda isinqabele ngoku sizokwazi uthumela uboya kwindawo esifuna ubusa kuzo kuba besikhe ngamanye amaxesha siphise ngabo kwezimoto zibutyayo, siyabulela kakhulu kuMphathiswa nathi ngoku sobangamafama acacayo kuba sinegusha eziliqela kakhulu, sithandazela ukuba kubekho ubambiswano singaze sohlukane ngoku, “utshilo uBesuthu. Amafama ase Siyakha axelelwe ngqo ngumphathiswa uPieters ukuba ayinonophele imfuyo abheke phambili.”
Sizokhuthaza amafama ukuba aqhube nokufuya kuba kokona kunemali eninzi sifuna bafake nabantu abatsha kuba imisebenzi inqabile, sichithe imali eninzi kakhulu apha kuleshedi sifuna abo baziqalela izinto bayazi siyabaxhasa ngokungagungqiyo, sicela ukuyibona leshedi ivelisa uboya kukho ukubambisana nokuncedisana,” utshilo uPieters. Umasipala wase Dr AB Xuma uthe gqolo naye ukuxhasa abo banezqkhono zokwenza izinto zezandla. UWongama Gela womasipala I Chrishani ukhuthaze amafama ukuba abheke phambili afuyayo aqiniseke.


