Urhulumente ugxekwe ngokutyhola iCovid ngengxaki yokufunda nokubhala yelizwe
08 ISilimela 2023 – Liezl Human – Cape Town
Kapa
Isebe lemfundo esisiseko kufuneka lithathe uxanduva lwamazinga okufunda “atshabalalisayo”, itsho inkcaso kunye nemibutho yoluntu
- Ukwazisa iPalamente ngoLwesibini wama-23 kuCanzibe, iSebe leMfundo esiSiseko lityhole amazinga asezantsi okufunda nokubhala kubhubhani we-Covid.
- Kwiveki ephelileyo iNkqubela kuPhononongo loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe lufumanise ukuba i-81% yabantwana bebanga lesi-4 baseMzantsi Afrika abakwazi kufundela intsingiselo.
- I-Equal Education ithe urhulumente akaphumelelanga ukuphendula kwimingeni emininzi ejongene necandelo lezemfundo.
EPalamente ngoLwesibini, iSebe leMfundo esiSiseko (DBE) lityhole izinga eliphantsi lokufunda nokubhala kunye nokungaphumeleli kwesiCwangciso sokuFunda sikaZwelonke (esiphunyezwe ngo-2019) kubhubhani we-Covid.
Kwiveki ephelileyo, iziphumo zeProgress on International Reading Literacy Study (PIRLS) zidize ukuba umyinge wamashumi asibhozo ananye ekhulwini (81%) wabantwana bebanga lesi-4 baseMzantsi Afrika abakwazi ukufunda ukuze baqonde intsingiselo. Ngo-2016 ibiyi-78%.
Isebe kungokunje liphonononga isicwangciso secandelo lokufunda likazwelonke kwiinzame zokukhawulelana nengxaki yolwazi lokufunda nokubhala kwisigaba sesiseko sabafundi.
Umlawuli oyintloko wesebe kwiziseko zokufunda Kulula Manona uxelele amalungu ePalamente ukuba ngenxa yobhubhani we-Covid malunga ne-54% yexesha lonxibelelwano elalahlekayo ngo-2020, kunye ne-22% ngo-2021.
Kodwa iLungu lePalamente leDA uBaxolile Nodada (umphathiswa osisithunzi sombutho wezemfundo) uthe isebe alithathanga xanduva ngalo mkhwa “ombi” wokufunda nokubhala.
UNodada uthe “ukugxeka ngokupheleleyo i-Covid-19 kwiziphumo zeziphumo zePIRLS kubululamile”, kwaye iyadanisa into yokuba i-DBE ingathathi xanduva malunga neziphumo zokufunda nokubhala.
UNodada ukwabuze ngeSicwangciso sokuFunda sikaZwelonke esikhoyo ngoku, athe asikho kuhlahlo-lwabiwo mali kwaye akukho lungelelaniso kumasebe ephondo. Uphinde wabuza ukuba ingaba ikhona na injongo yokuba isicwangciso sokufunda sibekelwe bucala ukuze siye phambili.
IGroundUp neViewfinder kutshanje iveze indlela iSicwangciso sokuFunda sikaZwelonke kunye “nephulo elikhulu lokufunda” elingazange liphumelele, nangona i-DBE ibanga ukuba siphunyezwe kuwo osithoba amaphondo.
UManona uthe isicwangciso esihlaziyiweyo siza kujongana nezikhewu kunye nemingeni. Isicwangciso esitsha secandelo lokufunda siya kugxila kwimicu emine, ngokuchaseneyo nesicwangciso sangaphambili esijolise kwishumi. Iinkalo ekugxilwe kuzo zibandakanya: izibonelelo zokufunda nokufundisa ezifanelekileyo ngokwenkcubeko, ootitshala abanezakhono nabasebenza ngeendlela ezininzi, uluntu oluthatha inxaxheba nabazali, kunye nesikhokelo somgaqo-nkqubo ocacileyo.
UManona uthe iSebe iDBE liyaqonda ukuba kukho “imingeni yenkqubo” ejongene nezikolo nootitshala, efana nobukhulu beklasi kwisigaba sesiseko. Ukunqongophala kootitshala ngomnye umba.
Kwiveki ephelileyo, iGroundUp neViewfinder zinike ingxelo malunga nootishala kwizikolo ezingahlawulisiyo eMakhanda abajongene nemicelimngeni yokuxinana kwamagumbi okufundela nokunqongophala kootitshala nto leyo eyenza kubenzima ukuba abafundi bafumane inkxaso yomntu ngamnye.
UMphathiswa uAngie Motshekga ukwathethe ePalamente ngoLwesibini. Uthe ingxaki yokufunda nokubhala ngumba “onemigangatho emininzi” oquka ukuxinana kwamagumbi okufundela, intlupheko, nokungabikho kwabazali abaxhasayo. Uthe kuyakuthatha uxanduva oludibeneyo ukulungisa ingxaki yokufunda nokubhala kwaye “kuthatha ilali ukukhulisa umntwana”. UMotshekga ukwathe “ayiyomali” kodwa “izinto ezininzi”.
UMotshekga uthe iPIRLS ayilokhuphiswano kwaye inike iDBE ithuba lokufunda kumazwe aphuhlileyo.
I-Equal Education (EE) ikhuphe ingxelo ngoLwesibini igxeka ukusilela kwesebe “ukulungisa iintanda ezinzulu kwinkqubo [yemfundo]”.
I-EE ithe i-DBE ayinakugxeka ingxaki yokufunda nokubhala ngobhubhane kuphela.
“Ingxaki yokufunda eqhubekayo … ibonisa ukuba urhulumente kunye namasebe emfundo aye ayiqonda kakuhle kangakanani imingeni eliqela kweli candelo kwaye asilele ukuhlanganisa intando yezopolitiko efunekayo ukuyisombulula,” yatsho iEE.

