CommunityLocalNews

Umhlola wenina elityholwa ngokudlwengula

25 May 2023 – Intatheli kaDizindaba

EMahikeng

Liphinde lemiswa Ityala lenina elityholwa ngokudlwengula umfana oneminyaka engama 25 emveni kokubonwa bekunye kwi tavern ephaya kwi lokishi iLehuretse apha kwi ndawo eyeyisakwaziwa njenge Bophuthatswana ngaphambile.  Eli nenekazi nekuthiwa lilelase Lady Frere kwaye lalivela kuhambela isinqanda-mathe salo esaduka eMahalapye eBotswana.

Kuthiwa eli nina lalikhe lancokolisana nalo mfanyana kwi tavern ephaya eLehurutshe bebonakala bethoba unxano bonwabile.  Kuvakala okokuba emveni kwe xeshana lo mfanyana wasuka walishiya eli nina waya kuhlala nabanye abafana awayengene kule tavern ehamba nabo.  Emveni kwe xesha eli nina laphakama laze lasinga ngase mnyango laphuma laza laya kungena kwi moto yalo eyayimiswe phandle.  Kuvakala okokuba wabonwa ephuma ngokukhawuleza lo mfana esiya kweli nina waza wanena emotweni wemnka nalo.

Kuvakala okokuba eli nina elaliqhuba le moto yalo lahamba nalo mfana laya naye eDinokana alamsa nalapho aba bafana babehamba nalo mfana bathi babesuka khona, Ikageleng eZeerust.  Kuthiwa kukwi ndlu elapha eDinokana apho kwaviwa ngesikhalo salo mfana ebhonga kwaze emva kwethuba abammelwana abangotata ababini noo mama ababini baze batyhala ucango bangena.  Kuvakala okokuba bakungena ngaphakathi babona inina eliphaya kuma 47 eminyaka lize apha ngezantsi kwaye liphezu kwalo mfanyana onama 25 iminyaka.

Kuthiwa lomfana naye owayeze ngezantsi wakhala ngelokuba eli nina nelalimthembise ngokumgodusa ukuya eIkageleng location eZeerust lasuka laya naye ngekani eDinokana.  Kuvakala okokuba lo mfanyana waye waxelela abo bammelwana okokuba eli nina laye lamnyanzela okokuba benze isondo engafuni yena.

Abangasemoyeni bathi kwaye kwabizwa amapolisa kwaze kwavulwa Ityala lokuzithathela isondo ngenkani.  Ootata abaninzi balapha eDinokana bakhale ngelokuba lo dade wenze isenzo sobugwira kwaye ufanele ukuba angcuthwe.

Yena ubawo uKgoputso Makaleng uthe: “Basadi ba Matebele badera mehlolo!” Watsho engqisha phantsi logama wona amanina akhale ngelokuba liyathyolwa eli nina ngulo mfanyana yaye uyayazi eyona nto embangele abhonge.  Ngoku eli tyala limiselwe uJune 2023.