Kugxekiwe ukubulawa kwabantu abahlanu kuTsolo
15 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda
Tsolo
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Kapa uLuietenant General Nomthetheli Mene uvakalise ukothuka nokudandatheka komphefumlo sisenzo esimasikizi sokudutyulwa kubulawe abantu abahlanu kwindlela enguhola u-N2 kufuphi nesiphambuka esingena kwidolophu yakuTsolo. UMene uthi esi senzo bubulwanyana obenziwa ngabantu abangenantliziyo nobuntu. ULueitenant Mene ufunge wamunca iintupha ngokubanjwa kwababulali.
Oku kulandela ukudutyulwa kubulawe abantu abahlanu emalanga ngoLwesihlanu.Ngokwengxelo yamaPolisa amaxhoba ahlatyaniselwe ngeembumbulu kwisithuba sentsimbi yesihlanu emalanga. Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa ephondweni uBrigadier Thembinkosi Kinana uphando lokuqala ludize ukuba izithuthi ezibini iMercedes Benz kunye neToyota Double Cab bezisingise kwicala lakuQumbu ngethuba amadoda asibhozo abexhobile avele ngesaquphe athulula iimbumbulu kwezi zithuthi zibini.
Ingxelo iqhuba ithi amaxhoba amathathu ekukholelwa ukuba ngoonogada abebegade leMercedes Benz athe oxuthelwa yonke imipu,oonomyayi kwahanjwa nayo.Umqhubi weMercedes nomkhweli ekukholelwa ukuba ngumntakwabo babhubhele kwindawo yesiganeko. Abarhanelwa abangaziwayo kuvakala ukuba babaleke kwabanda ngesithuthi esiluhlobo lwe-Ford Ranger Double Cab kunye nenye iToyota Bakkie basingisa ngakuQumbu.
UBrigadier Kinana uthi iimeko ezikhokhelele kudubulo lwamaxhoba ziphantsi kophando lwamaPolisa. Amapolisa avule amatyala amahlanu okubulala nelokuphanga kuxhotyiwe. Akukabanjwa mntu okwangoku nanjengoko abarhanelwa besagcwele amathafa.
Kucelwa nabani onolwazi olungakhokhelela ekubanjweni kwabarhanelwa aqhakamshelane nesikhululo samaPolisa sakuTsolo nesakuQumbu kungenjalo atsalele umnxeba ku-08600 10111.

