Bacela uncedo emva kokuba betshelwe yindlu
15 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka
Tsolo
Isithwakumbe sokutsha kwekhaya lakwa Matiso eMhlanga kumasipala wase Malahleni kusabothuse nangoku abosapho. Bashiyeke bengenampahla zokunxiba abo sapho lakwa Mhlanga emva komlilo oqhumbuke endlini watshisa yonkinto. Isijwili kumalungu osapho ebukele indlu iphela ngumlilo otshise umntwana welikhaya kwakunye nento yonke.
Oshiyekileyo nosinde kulomlilo uAlwandle nongumntwana kwikhaya eli uthi ukutshelwa likhaya kokona kubuhlungu kakhulu kuba abakhange bayazi nokuba mabaqale ngaphi kuba kutshe yonkonto.Ukuzibona sele ungenakhaya engenazo kwa impahla zokunxiba kokona kundenza ndizive ndilihlwili, andinazo nezonxiba kutshe nencwadi zam kuquka isazisi sam, andikayazi noba ndakuqala ngaphi kodwa ndicela kwabo bakwaziyo ukuphosa baze ngaphambili singakuvuyela kakhulu oku,” utshilo uMatiso.
Umbane ocima mihla le uyasolwa kokukutsha kwalomzi. Omelwane nabawubone umlilo sele uvutha kakhulu bathi ukucima umlilo odwanguzayo kokona kubenze abakwazi nokukhupha kwanto. Umama uNozuko nongummelwane uthi uve isithonga xa ephuma ssekusisisi kumnyama yonkindawo.” Ndothuke kakhulu kuba kaloku khange ndilindelento ukuwubona umlilo unqanqaza kuvutha kokona kundipopanise kakhulu, sizamile ukucima kodwa besele kunzima kakhulu, siyafuna ukuthi kusapho oku kubehleleyo kubi kakhulu safuna kodwa ukuthi bangalilahli ithemba nabo bafuna ukuncedisa sihlaba ikhwelo,” utshilo umama u Nozuko Mtika. Ukutsha kwemizi nekubangelwa kukusetyenziswa kwamakhandlela nombane ongucimicimi kuyanda kwindawo ezisezilalini.

