Zingaphaya kwama-200 iintsapho zaseKhayelitsha ezingafuniyo ukufudukela kwisibhedlele sabucala
08 ISilimela 2023 – Vincent Lali – Kapa
Khayelitsha
Ivenkile yokutya okukhawulezayo nayo icwangciselwe isiza
- Bamalunga ne-100 abantu ababambe umngcelele eKhayelitsha, eKapa, ngoLwesine bekhalazela ukufuduswa kweentsapho ezimalunga nama-200 zisuka kumatyotyombe amabini.
- Isibhedlele esitsha sabucala kunye nevenkile yakwa-KFC zicwangcisiwe ukulungiselela indawo abahlala kuyo.
- Iintsapho ziyayichasa into yokuba “isaziso sokufuduka” siphuma kwiQonga loPhuhliso lwaseKhayelitsha kunye neTrasti yoLuntu yaseKhayelitsha hayi inkqubo yenkundla okanye yeSixeko.
Abahlali basematyotyombeni eKhayelitsha, eKapa, baxambulisana malunga nesiphakamiso sokufuduswa kweentsapho ezingaphaya kwamakhulu amabini zisuka kumatyotyombe amabini.
Ngokweenkokeli zabahlali, iintsapho ezikwi-170 zamatyotyombe aseNew Bright kunye neentsapho ezingamashumi amane anesine eziphuma kwindawo ka-MM kwiNqanaba leSibini ezifumene imbalelwano, ezazizisa ukuba zifuduse amatyotyombe azo kwindawo, abathi sele exinene.
Le leta ithunyelwe kwiiveki ezintathu ezidlulileyo ligqwetha elimele iQonga loPhuhliso eKhayelitsha (KDF) kunye neKhayelitsha Community Trust (KCT). Le mibutho mibini ithi esi saziso silandele “isiphumo sothethathethwano” phakathi kwe-KDF, i-KCT, igaraji yase-Engen, amagosa eBhungana ali-10, kwakunye neenkokeli zamatyotyombe omabini.
UkuKhanya okutsha kunye neNqanaba leSibini kwasekwa ngexesha lobhubhani we-Covid ngo-Agasti ka-2020 njengoko abantu abaninzi bephulukene nemisebenzi kwaye bengasakwazi ukuhlawula irente.
Ngentsasa yangoLwesine, abantu abamalunga ne-100 babambe umngcelele besiya kwiofisi kaceba wewadi befuna ukuba angenelele kulo mba.
UMabhelandile Twani ongusekela sihlalo weIntlungu Yasematyombeni Social Movement, uxelele iGroundUp ukuba iintsapho ziye zayisa imemorandam yazo kuceba wale wadi ukuze akwazi ukuthetha ngalo mba neKDF neKCT.
“Sifuna agxile ekuziseni iinkonzo ezingundoqo endaweni yokusebenzisana nemibutho efuna ukusifudusela ngaphandle kwentando yethu,’’ utshilo.
UTwani uthe ezi ntsapho ziyala ukufuduka kumakhaya azo ngaphandle komyalelo wenkundla. “Kufuneka sihambe kwiinkqubo zenkundla ukusinika ithuba lokuchaza iimeko zethu zobuqu nokuba kutheni singafuni ukuhamba.”
UTwani uthe iinkokeli zeKDF kunye neKCT zixelele indibano yabahlali ukuba amacandelo apho abantu bacelwe ukuba bafudukele khona babekelwe isibhedlele esitsha kunye nevenkile yeKFC. UTwani uthe khange kuthethwe nabo bonke abahlali basematyotyombeni.
Inkokeli entsha yabahlali baseBright uSanele Sisusa uthe uninzi lweentsapho ezichaphazelekileyo ziphila ngemveliso abazilimayo kwiigadi zabo ezincinci nangokurisayikilishwa. “Ukuba bayafuduka, abayi kuba nandawo yokulima nokugcina izinto zabo. Uninzi lwethu aluphangeli,’’ utshilo.
UZenzile Mabe uthi uzinze eNew Bright ngo2020 ekunye nenkosikazi yakhe nabantwana abasixhenxe. Uthengisa ityuwa ngaphandle kweMall yaseKhayelitsha ukuze axhase usapho lwakhe.
“Ndilayisha ityuwa kwitroli yam ndiyityhalele kudederhu lweevenkile. Ukuba ndiyafuduka, ndiza kusokola ukuthwala ityuwa yam ndiyise kwindawo yeshishini. Ndichithe malunga ne-R40,000 ukwenza isamente kunye nethayile ityotyombe lam.”
Uceba wewadi uRider Mkutswana, ofumene imemorandam yabahlali basematyotyombeni, uthembise ngokudlulisa inkxalabo yabo kwi-KDF kunye ne-KCT.
Uthe, “Umasipala ngoku ujongene nokufakelwa kwezindlu zangasese neetephu kwiNew Bright nakwiNqanaba leSibini.
UNdithini Tyhido, usihlalo weKhayelitsha Development Forum, uqinisekise ukuba “isaziso sokufuduka” sathunyelwa kuluntu oluchaphazelekayo.
UTyhido utyhola abo babhala imemo “ngokuzama ukutyala iyantlukwano phakathi kwamalungu oluntu”. “Sizibophelele ekufuduseni abantu baseNew Bright ukuze kuphuhliswe ngokupheleleyo iSithili soShishino saseKhayelitsha,” utshilo.
UMphumzi Mange we-KCT uthe, “Ngumcimbi ocekethekileyo lo. Sisaqhuba uthethathethwano lwabathunywa kwaye singathanda ukungaphenduli ngokubhekele phaya.”

