UZwelibanzi uthiwe jize ngomgrugra wesithuthi
08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda
Iphondo le Mpuma Kapa linike uKumkani Zwelibanzi Dalindyebo umnyonyovu wesithuthi wohlobo lweMitsubishi Pajero SUV emva kokukhaba isipho se-BMW X4 ebiza kakhulu.Le moto ixabisa malunga ne-R850,000 inikezelwe kuKumkani wabaThembu ngoLwesibini weveki ephelileyo inikezelwa nguNkosana Zolile Burns-Ncamashe onguSekela Mphathiswa wesebe leNtsbenziswano kuRhulumente neMicimbi yeMveli (COGTA), nogxa wakhe ephondweni uMphathiswa uZolile Williams.
Isebe liqalise ukutyelela iiKumkani ezohlukeneyo zeMpuma Kapa ngeenjongo zokuxhasa izindlu zobukhosi ezohlukeneyo ngezixhobo ezizidingayo ukuze wenzeke umsebenzi wazo. UWilliams uthi isebe lakhe linike uKumkani Dalindyebo i-BMW X4 yodidi oluphezulu exabisa malunga ne-R1.2 yesigidi,kodwa iKumkani ithe idinga isithuthi esingabizi kangaka esizakukwazi ukuhamba kwiindlela zegrabile zeli phondo ezingalungiswanga ukuya kufikelela kuluntu lwasezilalini alukhonzayo.


