CommunityLocalNews

Amanina ase Mampondweni aphinde Athena izidlwengu

29 June 2023 – Intatheli kaDizindaba

Port St. Johns

Kuvakala okokuba amanina ase Mampondweni aphinde Athena izidlwengu ezibini kwi lali yase Majola nekuvakala okokuba ngabafana abaphaya kwi minyaka engama 27 kunye nama 32.  Kuthiwa le lali yenye yezo lali zombathwe ludlame kulo mmandla wase Sajonisi kuquka nee lali ezifana ne Tombo noo Mkhankatho.

Kuthiwa aba bafana babini bazenze ezi zenzo zobudlwengu kwii ndawo ezahlukeneyo zale ngingqi yombathwe zii mfazwe ezimbi nezibone iintsapho ezininzi zishiya amakhaya de ziye kulala emahlathini.  Kuthiwa lo mfana onama 27 eminyaka uye wadlwengula intwazana ebivela kwi boading school yase St. Johns College eMthatha.  Kuthiwa le ntwazana enama 22 eminyaka iye yathi xa isehla kwi sithuthi ebikhwele kuso lo mfana wathembisa ngokuyikhapha ukuhamba ehlathini.

Kuthiwa amanina ebeyekutheza amahlanu ave ngesikhalo aze athi xa esabela afumana lo mfana edlwengula le ntwazana aze ambamba ambopha ngee ntambo abeye kutheza ngazo.  Ukanti kwelinye icala usisi onama 52 eminyaka uye wadlwengula ngulo mfana onama 32 eminyaka naye obethe wamthembisa ngokumfunela indawo yokuxlwara kuba besele kuratyela ukuya edolophini.  Kuvakala okokuba naye lo dade kuviwe ngesikholo esikrakra ngabanye abammelwane komnye uronta obenoo tata noo mama benkonzo.

Abangasemoyeni bathe emveni kwendibano yabahlali apha eMajola ngale mihlola mibini aba bafana babini baye badityaniswa kuronta omnye kuxoxwa aze amanina athile abongoza okokuba amadoda akhe amshiye lo ronto.  Kuthiwa emva kwemizuzu aba tata bave bebhonga bafana aze akungena afumanisa aba bafana behambaze kwaye bebomvu ligazi kumalungu angezantsi logama amanina amabini ethe qhiwu oo ‘Bushu’.

Kuthiwa akubuzwa la manina ngesi senzo athe wona engamanina adikwe ‘Finish’ kukungabikho komthetho kweli lizwe.