Arts & CultureLocalNews

Bawongiwe abo banetalente 

02 EyeDwarha (Oct) 2024

Yonela Mpaka

Omama abathungayo nabaphantsi komasipala wase Dr AB Xuma bathe babhiyozela inyanga yamagugu kwilali yase Qhumanco ngokuthi babonakalise ngetalente abanayo yokuthunga. Lo mbhiyozo ubuzinyaswe ngabobonke abo bangoCeba Inkosi kwanabo benza imixhentso. Abathungayo nabanezakhona bekwaqhuba iproject bathe banikezwa izetifikethi ukubakhuthaza kwimisebenzi abayenzayo yokuthunga.Babeke impahla zabo bebonakalisa ngazo ukuze lowo unawo umdla athenge.

Umasipala wase Dr AB Xuma ubaxhase kakhulu abantu abangomama abathungayo kulomasipala ngokuthi abanikeze imatshini zokuthunga.Abo bathungayo balibone ilithuba elihle lalombhiyozo ukubonakalisa nokucela inxaso kurhulumente. Umama uNokuzola Jaca nongumthungi uthi ukufumana amathuba okubonisa ngezinto zabo kokona kubenza bakhule babbheke phambili, uthe inxaso engagungqiyo abamana ukuyinikwa ngumasipala bayayivuyela. Umama uJaca uthi bayabulela nangokunikwa izetifikethi lonto kubo ithetha lukhulu baziva bewongekile ,ekhuthaza nabanye omama ukuba balandele ekhondweni bazithungele bazenzele imali.

Umasipala uthe gqolo ukuyikhuthaza imisebenzi eyenziwa ngomama. Usodolophu womasipala uCllr Siyabulela Zangqa uthi ca kubhiyozelwa inyanga yamagugu omama mabangoyiki ukubonakalisa ngemithungo yabo kuba lixesha lokuba benze imali. “Siyazingca ngomama abakwaziyo uphakama bazenzele kuba imisebenzi ngoku inqabile sikhuthaza ukuba bathi nqo kwiminyango enobanceda ukuze bazoya phambili,“ utshilo uZangqa. Isintu sinxityiwe kulombhiyozo ingulowo nalowo ezikhumbuza ngokubaluleka kwakenyanga yamagugu.