Benza okuncomekayo abe Magwa foundation
29 June 2023 – Yonela Mpaka
Ntsimba
Igodasi Magwa foundation nezinze kwilali yase NgMawuleni ku Ntsimba eNgcobo ithe gqolo ukunika ithemba kubantu abatsha. Imagwa foundation ibibambe imidlalo yebhola ukubhiyozela inyanga yabantu abatsha. Lemidlalo sele iqhuba okwesibini kulona nyaka phantsi kokukhumbula utata uGodasi Mdunyelwa ongasekhoyo.
Onyana balotata bathe gqolo ukuhlala belenza lingacimi igama likatata wabo ngokuthi benze into eyakuxhamlwa esizweni siphela. Amaqela athe athatha inxaxheba kulemidlalo ebengaphezulu kwamashumi amathathu. Ibhola yamantombazana kwakunye naleyo ikhatywayo zizo ezibekae phambili kulemidlalo. Ongumququzeleli wale foundation uNdiphiwe Mdunyelwa uthi lemidlalo ibiyeyona ibikwizinga eliphezulu kakhulu, amaqela ase Ngcobo abonakalise umdla omkhulu kakhulu.
“Sakhetha uba masenze imidlalo ukuze abantu abatsha baxhamle kwinto abayaziyo ncakasana, sikhuphe imali kwakunye mbasa kumaqela athe aqhuba kakuhle kuba sifuna bakhuthazeke bayazi imidlalo xabenozimisela kuyo bangaya phambili, sixhasiwe kakhulu ngabantu base Ngcobo siyabulela kakhulu kuba lento siyenzayo sifuna ukusoloko siyenza ukukhumbula utata owayengumntu wabantu ekunceda nokuba ukweyiphi ingxaki, sibulela nokuba abantu abatsha besenethemba kwi foundation lena,” utshilo uMdunyelwa.
Amaqela agoduke nemali azingomba isifuna ekubeni ifoundation lena ibaqhuba kakuhle. Ongumdlali webhola uAsive Goso uthi imidlalo le bayafuna ibanjwe unyaka nonyaka kungabikho nyaka utsibayo kuba bazuza lukhulu.” Siyabulela kusapho lakwa Mdunyelwa oluthe gqolo ukusinika ikiti imali nembasa ukubonakalisa ukuba lento siyenzayo bayayibona, besingamaqela amaninzi kakhulu kodwa saqhuba kakuhle ,” utshilo Goso. UMasibulele Mdunyelwa nongoyena umdala kusapho uthi bazakuqhuba bekwenza oku bebulela kumntu wonke oxhasileyo.