Iphondo likhuthaza abafundi
29 June 2023 – Anele Raziya
Mpuma Koloni
ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lithi lizimisele ukwenza kangangoko linako ukuncedisana nabafundi bakwaGreyidi 12 ukuqinisekisa ukuba ziyaphucuka iziphumo zabo zokuphela konyaka.
Oku kuvele ngexesha isebe lika Mphathiswa, uFundile Gade beliphehlelela inkqubo yasebusika yokufunda kwabantwana bebanga leshumi, iwinter school kwisikolo iMarah Louw High School, eKomani ngoMvulo.
Isithethi esebeni, uMalibongwe Mtima, uthe belisebe bazibekele umyinge ka80% nangaphezulu wokuphumelela kwabafundi bakwaGreyidi 12 kulo nyaka, kwaye bazimisele ukuncedisana nabafundi ukuze bakwazi ukufikelela kulo myinge weepesenti.
Kunyaka ophelileyo iphondo libonakalise uphucuka kwiziphumo zebanga leshumi emva kokuba lifumene u77.3 lisuka ku73% ebelimfune ngo2021.
Zonke ezo ziphumo zibonakalisa mhlophe ukuba iMpuma Koloni iqhuba kakuhle kwiziphumo zika Greyidi 12 xa lithelekiswa neeminye iminyaka esando dlula.
Kodwa nangona kunjalo, oka Mtima uthe inkqubo yewinter school yalo nyaka bajonge idlale indima ebaluleke kakhulu kwiziphumo zokuphela konyaka kuba bafuna 80% nangaphezulu wokupasa kwabantwana.
Iwinter school uyichaze njenge yona enceda kakhulu ukuba babone abantwana bakulungele kangakanani ukuchophela imviwo zokuxabangela nezokuphela konyaka.
Uthe impazamo zabafundi ziyavela xa kuqhuba iwinter school kwaye bayangenelela bancedise xa bebona ezongxaki.
Uqhube wathi izikolo bazakuzixhasa ngazo zonke izixobo ezifunekayo ezifana namaphepha we-revision neezinye izinto ezindingekayo ukuncedisa abantwana.
Ngelixesha lewinter school uthe abantwana bazakuqeqeshwa nangendlela zokuphendula iimibuzo kuquka nangendlela zokonga ixesha xa bebhala imviwo zabo.
Uvalelise ngohlaba ikhwelo kubazali ukuba bakhuthaze abantwana babo emkhaya ngeencwadi zabo njengokuba sele kusondele ixesha lokuchophela iimviwo zokuphela unyaka.

