Crime & SafetyLocalNews

Uphakwe inkunzi owayesakuba nguSodolophu

UMomelezi Mbedla owayesakuba nguSodolophu waseMatatiele uphakwe inkunzi ngentseni xa ebezilolonga kuhola wendlela ongena kule dolophu. Ngokwengxelo uthe xa edlula kwisibhedlele iTaylor Bequest kuR56, eMatatiele kwee gqi izijem-jem zoonqevu ababini bamyalele ukuba abanike imfonomfono ephathwayo ngelo xesho bempampatha emzimbeni bekhangela nantoni abanokuyithatha.

Bathe bakubona ukuba uphethe imfonomfono yodwa baboleka bathatha nezixhobo zokumamela (headphones). Ngexesha bemphanga bebemnqononondisile ukuba angakhe alinge abajonge. UMbedla uye wajika asakuduka la mapharha, wafika kwakhe waya ku “Find my phone” oye wambonisa ukuba ifowuni iphi. Uthe akuba eybonile apho ikhoyo ifowuni yakhe wayakuvula ityala emapoliseni.La matutu anqakulwe avalelwa ngoko nangoko. Esi sehlo simothuse kakhulu uMbedla kangangokuba ebengekanqweneli ukuthetha nonondaba.