Umshicileli wephepha-mvume lokuqhuba umisiwe, ukukhutshwa kwamakhadi kunye namaphepha-mvume kuqalise kwakhona
ISebe lezoThutho likaZwelonke liqinisekisile ukuba umatshini wokushicilela amakhadi welayisensi yokuqhuba eMzantsi Afrika kuphela oye walungiswa kwaye ubuyela ekusebenzeni. Olu phuhliso luzisa isiqabu esifuneka kakhulu kubahlali baseDrakenstein abamalunga nama-7 000 abalinde amakhadi abo eempepha-mvume zokuqhuba kunye neePhepha-mvume zokuqhuba i-Public Driving ukususela ekuqaleni konyaka.
Akukho makhadi okanye amaphepha-mvume akhutshiweyo ngeli xesha ngenxa yokonakala komatshini, obekwe kwiAkhawunti yeKhadi leLayisensi yokuQhuba yeSebe (i-DLCA) ePitoli. I-DLCA, iziko leSebe lezoThutho, inoxanduva lokujonga zonke izicelo zamakhadi ephepha-mvume lokuqhuba kuzwelonke.
Ukukhawulelana nokukhula kokusilela, iSebe landise iiyure zokusebenza zabasebenzi be-DLCA laza lazibophelela ngokukhupha uhlaziyo lwenkqubela rhoqo.
Kusenjalo, uMasipala waseDrakenstein ukhumbuze abafaki-zicelo ukuba, phantsi kweNational Road Traffic Act, ikhadi lelayisenisi yokuqhuba eliphelelwe lixesha lihlala lisemthethweni kangangeenyanga ezintathu ukuba isicelo sohlaziyo sifakwe phambi komhla wokuphelelwa. Abafaki-zicelo kufuneka baphathe zombini ikhadi eliphelelwe lixesha kunye nobungqina bentlawulo.
Ukuba ulibaziseko ludlulela ngaphaya kwexesha leenyanga ezintathu zoxolelo, abahlali banokufaka isicelo sephepha-mvume lokuqhuba lexeshana, elixabisa ama-R45 kwaye lisebenza iinyanga ezintandathu okanye de likhutshwe ikhadi elitsha.


