Baphindile abakwa Titus eNgcobo
13 EyeKhala 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Ivulwe ngokusesikweni iGaraji ebizwa uSasol emva kwexesha elide ingasasebenzi. Legaraji yathi yavalwa ngelaxesha bekusaqhuba iCovid 19. Ukuphinda kuvulwe legaraji kuthethe lukhulu kakhulu kusapho lakwa Tayitasi.
Osomashishini abasuka kwindawo ezahlukeneyo kuquka noSodolophu womasipala uCllr Siyabulela Zangqa ebeyinxalenye yoku. Oka Zangqa uvuyisene nolwapho lakwa Tayitasi esithi bayavuya xa elishishini liphinda liqhuba kuba lizakuvuselela amathuba emisebenzi liphinde lincede abo bebekade behleli nje bengenzinto lizakukhulisa noqoqosho lwedolophu lenu.
“Siyabulela kusapho kuba ukuphinda nivule ishishini ebesele livaliwe akubikho lula, sifuna ukukhuthaza nabanye abantu aukuba bazeke mzekweni sikhulise iNgcobo ibheke phambili, sifuna nokuthi kwabo bazakuthi bafumane imisebenzi kule garaji bayinonophele kuba siphila kwixesha elibi lokunqaba kwemisebenzi, sithi ntinga ntaka ndini, “utshilo u Zangqa.
Ongusomashishini owaziwa kakhulu nozinze eMonti u Ntombam ukhuthaze abo sapho ukuba balinakekele kangangoko ishishini eli ukuze likhule libheke phambili. Abosapho lakwa Tayitasi kwakunye nezihlobo bebechulumance kakhulu kuquka nabasebenzi abazakuthi baphinde bafumane imisebenzi yabo. UPhilisa nolilungu losapho nokwazileyo ukubuyisela isidima sakowabo uthi bekungekho lula ukuvuselela into ibisele icimile, uthi bekungumsebenzi omkhulu kakhulu ofuna kusetyenziswe ingqondo ngalolonke ixesha.”
“Ukuxhaswa nokukhuthazwa kokona kusenze sabe sivukile kwakhona, sibulela bonke abantu abasixhasileyo sade safikelela ekubeni liphinde livulwe elishishini, ukuphinda sibuyisele abasebenzi kusivuyisile oko kuba sidale amathuba emisebenzi, siziva singenamazwi okubulela kuba kufezeke iphupha ebekudala sifuna liqhube,” utshilo uPhilisa Tayitasi. Abasebenzi abazakuphinda bafumane isonka ukuze bondle izihlobo zabo bebengawuvali umlomo luvuyo. Igaraji lena isebenza ngalolonke ixesha ayivalwa.

