Izidlwengu ezine zithiwe nkaa ngesigwebo sobomi emjiva
13 EyeKhala 2023 – Monwabisi Khininda
ELUSIKISIKI
Inkundla yenqila yaseLusikisiki khange ihleke nenye kwezihlekisayo ngexesha iwisa isigwebo sikadilika jele kwizidlwengu ezine kumatyala awohlukeneyo. Iinkuntsela zezidlwengu ezine zadlwengula ngolunya inina eliphazamisekileyo engqondweni, imveku yenkwenkwana eneminyaka emithathu kunye nentwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala.
UNathi Cithelo (32) kunye noAthenkosi Gcambaza bazithathela ngolunya bedlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo. Ukanti uAvela Somhlahlo (30) kunye noThobela Khulani (30) bazithathela ngolunya bedlwengula imveku yenkwenkwana eneminyaka emithathu omnye wadlwengula inina eliphazamisekileyo engqondweni.
Ngomhla weshumi kweyoMqungu 2023 le ntwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo yabalixhoba lokudlwengulwa nguNgcambaza ngexesha le ntwazana yayisiya esikolweni kwindawo yakwaNyathi. Phakathi enkundleni uChithelo ungqishe phantsi egxininisa ukuba le ntwazana yayisisinqandamathe sakhe, kwelinye icala uNgcambaza ungqinile ukuba bazithathela ngolunya bezityela itheko kulentwazana.
UAvela Somhlahlo ufunyenwe enetyala lokudlwengula umtshana wakhe oyimveku yenkwenkwana eneminyaka emithathu ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi 2021, ngexesha uninaesaphumile. UAvela wabanjwa ngoko nangoko emveni kokuba le mveku yaye yaxelela unina ngelinyala. Namhlanje le nkwenkwana isebenzisa isixhobo esithile ukuze ichame. Isidlwengu sesine uThobela Khululani naye ufunyaniswe enetyala lokudlwengula inina eliphazamisekileyo engqondweni nelingakwazi ukuthetha ngomhla we-28 kweyeKhala 2021 kwindawo yaseMaNtlaneni. UKhululani wabanjwa ngoko nangoko emveni kokuba kwafunyanwa incindi yontlolo-fuzo (DNA) yakhe kwilungu langasese leli nina kwaye elinina lakwazi ukumkhomba phakathi kwenginginya yabantu ababedwelisiwe.
UManty wenkundla yeNqila uZanekhaya Gxarisa kunye nebambela-mtshutshisi uJustice Tsala bobabini babethe ngenqindi phantsi besithi unotshe ukuba bazijike ezi zigwebo zobomi abazinike ezi zidlwengu zingenalusini.
