UMBUTHOWONOTEKISIUKHUPHEISIBHILIVANAESOTHUSAYO
Kubahlali baseMthatha, isibhilivana esikhutshwe ngumbutho wonotekisi, iMthatha Taxi Owners Association, sinike abahlali into yokucinga kwaye savusa uloyiko noludideko kubazali.
Esi sibhilivana, esibhalwe ngomhla we-10 kweyoMqungu 2025, sibhengeza ukuba ukusukela ngomhla we-15 kuJanuwari 2025, abantwana besikolo abavumelekanga ukuba balayishwe ngeeVeni (Contract/Staff) eMthatha jikelele. Kwisele abazali befundiswa ukuba ukuba bafuna abantwana babo balayishwe, kufuneka baye kwi-ofisi yeTaxi yendawo yabo apho bazoncedwa khona.
Le mbalelwano ityikitywe nguSihlalo wombutho, ibe yakufika nje, yaphazamisa abazali abaninzi. Uninzi lwabazali basebenzisa iiVeni njengezithuthi zabantwana babo, nto leyo eyenze ukuba esi sibhengezo sibangele ukuphakuzela kwezimvo, inkxalabo, nokungaqiniseki ngekamva lezothutho lwabantwana besikolo.
Okwangoku, akukaziwa ukuba esi sigqibo sizakuhlala simile okanye kukho utshintsho olunokwenziwa. I-Dizindaba ingasemoyeni izakuhlala ibeka abahlali esiqwini ngenkqubela yeli tyala.


