LocalNewsPolitics

Uhlaselwe uceba eMbhashe

13 EyeKhala 2023 – Anele Raziya

EMBHASHE

Uceba weANC kwaWadi 2 eMbhashe, uMzikayise Saki (45) uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwindawo yaseNgxakaxha eMantandeni eDutywa ngalo Mgqibelo.

USaki ubhubhe ngobusuku bomhla wokuqala (1 Julayi) emva kokuba ehlaselwe ngabantu ababini abangaziwayo baze bamkrwitsha ngexesha ekwindlela egodukayo ekunye neqabane eliye ladlwengulo lona eNgxakaxha.

Umbutho weANC eMpuma Koloni usigxeke kabukhali esi siganeko kwaye wathi asomkelekanga kweli ilizwe.

Ubukrelemqa obufana nobu, iANC ithe kufuneka buliwe ngandlela zonke kuzokutsho kuphele into yokubulawa kwabantu kabuhlungu.

Kwiveki ephelileyo, ooceba bomasipala waseMbhashe bekhokelwa ngusomlomo webhunga, uBabalwa Majavu baye batyelela kwikhaya likamfi ngenjongo zokudlulisa amazwi ovelwano.

UMajavu uthe bengumasipala balahlekelwe ngumntu obewuthanda umsebenzi wakhe kwaye indawo yakhe uSaki iyakuhlala ibonakala.

Kwibhalelwano ekhutshwe ngoyintloko kwezonxebelelwano kwiANC ephondweni, uGift Ngqondi, ithe umbutho uhlaba ikhwelo kumapolisa ukuba enze kangangoko enako ukuqinisekisa ukuba abarhanelwa bayabanjwa kwaye bavalelwe.

I-ANC iqhube yathi ayomkelekanga nalento yokuphathwa kakubi kwamanina ngezesondo kwaye abahlali neemibutho ekuhlaleni mabaphakame bancedisane norhulumente ukulwa zonke ezi ziganeko.

Umbhashe uthe wonke amalungiselelo omngcwabo ahamba kakuhle kwaye uSaki kulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngalo Mgqibelo.

Amalungu weANC, abasebenzi kwamasipala nooceba kulindeleke ukuba babeyinxalenye yomngcwabo.