Crime & SafetyEducationLocalNews

Ititshalakazi igxothelwe ukuncwasa umfundi

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

Ititshalakazi igxothwe ngoko nangoko emva kokufunyaniswa inetyala lesincwaso ngakumfundi oneshumi elinesithathu leminyaka. Ngokwengxelo ethiwe thaca phambi kweEducation Labour Relations Council, le titshalakazi kwisikolo iPharamakhulo Senior Primary School eseMahlatheng, eTlokoeng (Mount Fletcher) wabamba isandla somfundi wamsondeza waze wathi makamncamise.

Le titshalakazi ibhaxekwe amatyala amathathu:- ukophula umthetho ngokuncwasa umfundi ngokuthi makamncamise, ukubeka emngciphekweni ilungelo lomfundi lokufunda ngokukhululekileyo nokuziphatha ngendlela ehlazisa inkonzo yobufundisintsapho.

Esi sehlo senzeka ngomnyaka wama-2023 ngoJuni. Lo mfundi watshintsha isikolo ngoku ukwibanga lika Grade 8. Lo mfundi kubungqina bakhe uthe le titshalakazi yamyalela ukuba angaphumi. Le titshalakazi yayalela ukuba omnye umfundi ame emnyango kungabikho mntu ungenayo. Uhambise wathi le titshalakazi yazama ukumncamisa kodwa wala. Yamane imcenga ukuba ayincamise.Kuthe kwakukhala intsimbi yokuba abafundi babuyele emagumbini okufundela yabalekela emotweni yayo.

Le titshalakazi yabiza lo mfundi yathi makeze nencwadi yakhe yaze yaqhusheka i-R50. Lo mfundi uthi waqala wala ukuthatha le mali kodwa ititshalakazi yamcenga imyala ukuba angake ayithete mntwini into eyenzeke phakathi kwabo.Waye waxelela abanye abafundi ukuba utitshalakazi umnike imali.

Ititshalakazi izikhanyele zonke izityholo kodwa uMkomishinala uSiziwe Gcayi uyifumene inetyala wayalela ukuba mayigxothwe ngoko nangoko.