Crime & SafetyLocalNews

Kuqengqeleka iiveki bengekafunyanwa abantwana abane

18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Monwabisi Khininda

Kuqengqeleka iiveki kungekevakali nomkhondo wabantwana abane abalahleka kwilali yaseMadamini eNtabankulu. Aba bantwana balahleka ngomhla we-10 Novemba 2024 ngenstimbi yeshumi elinanye. UNosicelo Sganga ucela nabani na onomkhondo wabantwana bakhe ababini nabatshana ababini ukuba aze ngaphambili okanye abikele amapolisa.

UNosicelo uthi ngemini abalahleka ngayo aba bantwana yena wayesoneka impahla abantwana babe bedlala phandle. Ababantwana baneminyaka ephakathi kwemine nesixhenxe ubudala. Abatshana bona baneminyaka emine kwaye bangamawele.

Kucelwa nabani okhe wabathi tshe aba bantwana atsalele umnxeba ku-0846842341.