IBulelwe inkampani yomgodi ngabase Dutywa
Anele Raziya – 27 July 2023
EDUTYWA
Usapho lakwaMayekiso eDutywa, eMbhashe lifumene inyhweba yokutyelelwa ngamalungu wenkampani yomgodi wegolide ebizwa, i-Harmony Gold Mine neyayiphangela uTata wolusapho ngexesha wayesaphila.
Injongo yotyelelo lwenkampani ibizokukujonga isimo sentlalo kusapho lakwaMayekiso kunye nokunika olu sapho izipho ngale nyanga yalowo wayesakuba nguMongameli weli, uNelson Rholihlahla Mandela.
Ongasekhoyo Mvuyisi Mayekiso waswelekela emgodini ngo2018 emveni kokuba wathi wehlelwa yigozi.
Ukulandulelwa kwakhe eli, washiya abantwana bakhe abane kunye nonkosikazi wakhe uNtombelanga Mayekiso.
Inkampani yomgodi i-Harmony Gold Mine yaye yazibophelela ekuncedeni usapho lukamfi ukuze luqhubele phambili nokuphila impilo engcono.
Usodolophu womasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda, usapho lakwaMayekiso nabantwana bakamfi baye bahlanganiswa ndawonye yile nkampani yomgodi, nalapho iye yanikezela ngenkonzo yokuhlola isimo sempilo kusapho.
Yaphinda inkampani yanikezela ngeenkonzo yentuthuzelo yomphefumlo njengoko kwathi kwehla esi siganeko sokusweleka kotata wosapho ngegozi emgodini.
UNkosikazi kamfi, uNtombelanga uye wanikwa izinto zokudlala zabantwana nokutya yile nkampani yomgodi wegolide ukuba aqhubeke ekhulisa abantwana.
I-Harmony Gold Mine, ngumgodi othi uthathela ngakuwo uxanduva xa umsebenzi eswelekele emsebenzini.
Lo mgodi uye uqinisekisa ukuba abantwana bexhoba bakhuliswa ngendlela efanelekileyo kwaye bayayifumana nenkxaso abayidingayo kwizifundo zabo esikolweni.
Rhoqo nyaka nonyaka lo mgodi utyelela zonke iintsapho ezathi zaphulukana nabantu bazo ngexesha besemsebenzini uqinisekisa ukuba ziyayifumana inkxaso eziyidingayo.
Usodolophu uSamkelo Janda uyibulele inkxaso ebonakaliswa yiHarmony Gold Mine kusapho lakwaMayekiso kwaye watsho esithi unethamba lokuba bakuhlala belityelela olu sapho.
UJanda uthe inkxaso yalo mgodi kwiintsapho zamaxhoba, inika ithemba ukuba abantwana bamaxhoba bazokwazi ukuphumeza amaphupha wabo emhlabeni.
UNkosikazi kamfi uNtombelanga uvakalise uchulumanca kuqhubeka befumana inkxaso kumgodi owayesebenza umyeni wakhe uMvuyisi.
Uthe bayayibulela yonke into abayenzelwa ngumgodi i-Harmony Gold Mine kwaye banethemba lokuba izakuhlala ibaxhasa.
Imanyano yabasebenzi emgodini, i-Association of MineWorkers and Construction Union (AMCU) nebhodi emele abahlali eMbhashe ibiyinxalenye yalo msitho ububanjelwe eDutywa.

