Crime & SafetyEducationLocalNews

Unyana nonina kwityala lobuqhophololo

7 March 2024 – Monwabisi Khininda

Owayefudula engumlawuli eFort Hare uThobeka Portia Heshula (68), unyana wakhe uNgcwengo Collin Uhurhu Heshula (44) nenkampani yakhe iHeshula Solution CC, bavela enkundleni yamatyala yaseDikeni bebhaxekwa izityholo zamatyala angamashumi amahlanu anesithathu.

La matyala anxulumene nobuqhophololo obuqabele ngaphaya kwesigidi esinesiqingatha, ukunaniselana ngemali kunye nokupheka amaxwebhu eziniki maxabiso ezanikelwa inkampani kanyana ngunina kwiDyunivesithi yaseFort Hare. Ngokwamaxwebhu esimangalo, lo wasetyhini wayesebenza njengemanejala eyayijongene nokutyumba inkampani ezizokwenza umsebenzi kunye nokugunyazisa ukubhatalwa kwazo.

Umbuso khange usichase isicelo sebheyile ngethuba besifaka enkundleni. Inkundla ibanike ibheyile yewaka lerandi umntu emnye. Ityala lizothunyelwa kwinkundla yamatyala ezezimali eMonti ngomhla we-12 kweyoKwindla kulonyaka.

ULuxolo Tyali weGunyabantu Lotshutshiso kuZwelonke uthi kutyholwa ukuba eli gosa lalinolwazi kuqala ngeziniki maxabiso nezivumelwano zengqesho ezazidingwa yiDyunivesithi yaseFort Hare. Unyana uNgcwengo Heshula ngokucetyiswa ngunina kutyholwa ukuba wenza iziniki maxabiso ezithathu ngenjongo zokukhohlisa ngelithi zisuka kwiinkampani ezintathu ezahlukeneyo.

Zenziwa zanamagama anxulumene neyabo okanye ezi phantsi kwaye ngandlela ithile kwaye kwakuqinisekiswa ukuba iHeshula Solutions Ibiza ngaphantsi kwazo izofumana lo msebenzi. Eli gosa kuvakala ukuba laligunyazisa ukubhatalwa kwezinkampani ngomsebenzi ezingawenzanga.

Kuphinde kwavela ukuba lo mkhuba wenzeka phakathi kwenyanga yeKhala ku-2013 kunye neyoKwindla ngo-2019. Obu buqhophololo bevezwe luphando lweDyunivesithi.